Ukuphawulwa Kwezilwanyane

Zonke iinkomo, gusha, bhokhwe, nciniba, ihagu kunye namahashe kufuneka zifakwe uphawu, ngoko mthetho we Animal Identification Act (Act 6 of 2002). Ukuphawulwa kwezilwanyane akwenzi kubelula kuphela kubanikazi bazo okokuba bakhawuleze bazifumane xa zithe zalahleka okanye zabiwa, kodwa kwenza lula nokuthi kutshutshiswe abo bangamasela emfuyo.

Ukufaka Isicelo

Amafama kufuneka afake isicelo sophawu kwizilwanyane kwi Registrar of Animal Identification kwisebe Lezolimo, Amahlathi nee Ntlanzi (National Department of Agriculture Forestry and Fisheries). Izilwanyana ezinga phawulwayo zezo zisetyenziselwa ukuzala, kufuneka zibhaliswe kwi South African Stud Book and Livestock Association.
Iimpepha zesicelo ziyafumaneka kwi ofisi ezikufuphi, ii-ofisi zika mantyi, iindawo ezisebenza ngezilwanyana ezibiweyo kwisebe lamaPolisa oMzantsi Afrika kunye ne Registrar of Animal Identification. Zonke izicelo kufuneka zikhatshwe sisiqinisekiso sendawo yokuhlala- esingaphantsi kweenyanga ezintathu (3 months) ubudala.
Xa isicelo singenisiwe, kuthabatha phantse iiveki ezimbini ukuze umbhalisi abhalise uphawu kwi National Register of Animal Identification System apho kuphela nga Mapolisa oMzantsi Afrika afikelela kwezonkcukacha.
Uphawu lwezilwanyana lulodwa kwaye lufana lodwa kumfama ngamnye kwaye ngonobumba abathathu, hayi ngaphezulu kwesithathu (oonobumba okanye uphawu). Akekho onemvume yokusebenisa oluphawu ngaphandle kwemvume yomfama. Xa uphawu lunikezwe omnye umntu, umnikazi omtsha kufuneka afake isicelo sokutshintsha uphawu lubephantsi kwakhe.

Imimiselo

©Peter Delaney
Kukhona imigaqo ethile, emisela ubungakanani, ubume, indlela nokudityaniswa kophawu kunye nendlela indawo ezithile kwisilwanyana ziphawulwe okanye zingaphawulwa. Imibhalo egcogciweyo umzekelo akufunekanga idlule ama 20mm ububanzi okanye ubude, logama uphawu olulodwa kufuneka lube ngama 40 mm kodwa hayi ngaphezulu kwama 100 mm ububanzi nobude.
Ngokwe National Stock Theft Prevention Forum, izilwanyana kufuneka zibhalwe kwiiveki ezimbini emveni kokuba zithengiwe.
Iinkomo zingagcogcwa ukususela kwinyanga enye zikhona ze zifakwe uphawu ukususela kwinyanga ezintandathu. Kufuneka zibesele ziphawuliwe ngexesha xa kuphuma amazinyo (amabini). Isigcogci singafakwa kumacala omabini endlebe, logama kwandawo ibonakalayo emzimbeni, ngaphandle kwentamo, zingagcogcwa. Amafama kufuneka aqaphele angaphawuli iindawo emzimbeni ezinokuthi zithobe ixabiso lesikhumba.
Izilwanyana ezincinci ezifana negusha kunye neebhokhwe, ngokunjalo ne iihagu, kufuneka zigcogcwe xa zinenyanga enye, uphawu lufakwe nokuba kukweyiphi indlebe.
Iinciniba ingagcogcwa ngaphantsi kweentsiba, ukususela kwinyanga enye ukuyokuma kwinyanga ezintandathu zikhona. Zingafakwa uphawu ukususela kwinyanga ezintandathu ngaphandle kwamathanga azo. Uphawu okanye ugcogco lungano nobumba ababini, iimpawu ziqelelane ngo 6 mm, ecaleni okanye olunye ngezantsi kolunye ze imigcogco imelelane.
Amahashe angagcogcwa ukususela kwinyanga ezintandathu aphawulwe ukusukela kwinyanga ezilishumi nambini (12) ubudala.
Olu lwazi ludityaniswe kwincwadi ethi The Farmer’s guide to the prevention and handling of stock theft ye National Stock Theft Prevention Forum, eshicilelwe yi Agri Connect Pty (Ltd) ngonyaka ka 2015.

Translated by Zikhona Plaatjie