Ukufuya Imivundla

© Judy Stuart

Imithetho Ngoku fuya Imivundla

Hlala ufuya olona hlobo lubalaseleyo lwemivundla ofikelela kulo ngokwe pokotho. Zikhona ke intlobo ezithile ezenzelwe imveliso ezithile kunye nenjongo ezithile. Xa uthenga umgangatho ophezulu wemivundla, namathuba okuvelisa imveliso ebalaseleyo ayenyuka.
Thenga imivundla yokuqala kumntu othembakeleyo onokunikeza olwazi oluphangaleleyo ngohlobo lomvundla owuthengayo. Oku ke kuquka imini zokuzalwa, nemvelaphi yabazali.
Sukufuya intlobo ezahlukileyo zemivundla. Ukufana kwemfuyo kwenza kubelula ukunakekela imfuyo, kwaye izilwanyana ezixutyiweyo azikwazi ukwenza oko. Umfuyi akayazi yintoni enokuvela. Xa zixutyiwe ngenjongo yokuba kubekho ezixutyiweyo kwisi zalwane esinye, esisizalwane kufuneka saziwe njenge sizalwane ‘sokugqibela’ kwaye singasetyenziswa kwizizalwane ezizayo. Xa umvelisi onolwazi ekhetha ukuxuba inzala (ngenjongo yokuvelisa ibala elitsha, okanye uku ‘coca’ inzala okokuqala). kwaye iyakwazi ukunqamla kwezizi ganeko zenzala, kuvumelekile ukuxuba inzala.
Iinkunzi nee mazi zemivundla kufuneka zibesempilweni xa udityano ngokwesondo kusenzeka.Isilwanyana esigulayo sisifo esithile akufunekanga sizale de siphile ngokupheleleyo. Imazi nenkunzi zemivundla kufuneka zibe kwiminyaka ekulungeleyo uzala, ubukhulu obukulungeleyo uzala.
Iminyaka ekulungeleyo ukuzala noko zinyanga ezintlanu uyokuma kwisi sithandathu kwi nkunzi nee mazi. Kwezi ke zibukhulu busesiphakathini okanye ezinkulu, inkunzi kufuneka zibe kubuncinci beminyaka ngenyanga ezi sithandathu ukuyoma kwisibhozo. Xa uvelisa oluhlobo likhulu kakhulu lemivundla hlala ujonga ubukhulu be mazi okokuba zingazaliswa na, kwaye kumele zikulungele ukuzalisa xa ibubukhulu bomvundla omdala.
(Kufuneka ke uwazi umgangatho woluhlobo lomvundla ulikhethileyo). Imazi zemivundla ezinkulu zinganikeza iingxaki ngokuzala xa ziyekwe ixesha elide de zatyeba kakhulu.
Ungaze uvelise kwisilwanyana esinolaka. Esisimo sibi singagqithiselwa nakwizizalwane ezilandelayo kwaye imivundla iyakwazi ukuluma, ikrwempe kabuhlungu. Imazi ezinolaka azibi ngoomama abalungileyo kwaye abakhulisa kakuhle abantwana bazo.

Translated by Zikhona Plaatjie