Ubomi Bamandulo BamaTsonga

Ubomi ku Muti

©Dr Peter Magubane

Ukuzalwa komntana lixesha lochulumanco kuluntu lwamaTsonga. Amabhinqa osapho okanye abanye abafazi ibangabo abanceda amabhinqa akhulelweyo kwizigaba zokugqibela zokumitha nasekuzaliseni umntwana.

Amasana asandula kuzalwa agcotywa ngamayeza aze ahonjiswe ngeentsimbi zesihlahla. Oomama bavamise ukuncancisa kangangesithuba seminyaka emibini emva kokuzalwa komntwana. Xa umntwana sele ekwazi ukuhamba, kuye kwabelwane ngoxanduva lokumkhulisa phakathi nomama nodade abasele bebadala.

©Dr Peter Magubane

Kulindeleke ukuba abantwana benze imisebenzi yasekhaya beselula. Amantombazana ancedisa oonina kwimisebenzi yemihla ngemihla efana nokutheza, ukukha amanzi kwimilambo ekufuphi. La manzi bawathwala entloko. Amakhwenkwe asele emadala olusa iinkomo zosapho, logama amakhwenkwe aselula esolusa iibhokwe.

Kwiindawo ezininzi ezikwi Transvaal endala, isikhundla sobudala sasifunyanwa ngokuya entabeni. Amakhwenkwe kunye namantombazana ayesoluswa ngokwamaqela ohlukeneyo. Babevumeleka ukuba batshate kuphela emva kokuba benze amasiko athile afanelekileyo.

Translated by Zizipho Silwana