uBenjamin Pogrund, Intatheli yeRand Daily Mail, Inkumbulo ngo Mandela

© Eric Miller

Iintshukumo Zamabhinqa Zakhuselwa

Ndabona uNelson Mandela esebenza kwii nkundla zikamantyi emva kwee ntshukumo zamabhinqa elwela imithetho yama pasi ngonyaka ka 1959. Umthetho owawunyanzelisa abantu abantsundu ukuba baphathe amapasi ngalo lonke ixesha okanye babanjwe ngoko nangoko, amabhinqa ayebanjwa ixesha elide kunamadoda: Amawaka abanjwa aze avelelwa kuba bethe bavakalisa ukungavumelani kwawo nalomthetho.

Ndandiyintatheli eselula kwi phepha-ndaba I Rand Daily Mail ndisafunda ukuba yintatheli kwinkundla ka mantyi. Ndandisele ndimai uMandela kwaye wandixelela ukuba amatyala esininzi samabhinqa abanjiweyo azakubanjelwa kwi basement yesakhiwo nalapho babevalelwe khona, onondaba babengavunyelwa ukuba bangene kulenkundla. Oku, mna naye savumelana, ukuba akulunganga ngokomthetho. Ndayokukhalaza kumantyi, ndigrogrisa ngokuya Kwinkundla ephakamileyo.

Elityala lakhawuleza lavuleleka nakonondaba. Ukusukela ngoko, kwiveki ezilandelayo ezintandathu, ndahlala kulengxoxo yelityala no Mandela ephakathi kwamagqwetha ayelwela ukukhululwa kwamabhinqa okanye bafumane ezona zigwebo zincinci.

Iincwadi Ezisuka eRobben Island

Emva kweminyaka elishumi, xa uMandela wayesele elibanjwa kwisiqithi o Robben Island, wandibhalela incwadi. Ekholelwa ukuba, mhlawumbi enyanisile, wayithumela komnye umntu. Intluva yokuba lencwadi ibhalelwe bani yayifihlwe kokubhalwe kulencwadi, kuba wathetha ngento eyayenzekile yokunyanzelisa umantyi ukuba avulele inkundla konondaba. Le ncwadi yagqithiswa kubantu abaninzi, ingulowo ezama ukudibanisa ukuba inoba ibhalelwe kubani. Yade yafkelela kum emva kwenyanga ezininzi.

Translated by Zizipho Silwana

Mandela and Benjamin Pogrund's Family

Ngoku wayesele eliqhawe, ebuliselwa phezulu. Waye wenza ibali ngaye ngoluhambo elithi, ‘The Last Mile: Mandela, Africa and Democracy’....more

Mandela The Black Pimpernel by Benjamin Pogrund

Badlakaza ilizwe lonke odwa uMandela wabangu phuncuka bemphethe waze waziwa njenge ‘Black Pimpernel, eli gama lalisuka kwi Baroness Orczy...more