Tree Squirrel
Unomatse Womthi

© Shem Compion

Igama

Unomatse womthi (Paraxerus cepapi)

Inkangeleko

Ubude obupheleleyo ngama 350 mm, icala labo ibengumsila. Esi silwanyana sinobunzima esingama 200 gram kuphela. Umbala woboya uxhomekeka ngokwengingqi ahlala kuyo. Kwingingqi zase ntshona nezomileyo ibangwevu ombhatshileyo, kuze kwingingqi zase mpuma bubemdaka ngebala.
Intloko nemilenze zinimbala ofana ne rusi. Umbala wesifuba uyashiyana ukusuka kobutyelirha e mpuma, ukuya komhlophe entshona. Izisu zonomatse bomthi zimhlophe. Ezi zidalwa zihlala zixakekile kwaye zither ndlwe zihlala ziyolulele ngemva imisila yazo.

Isidlo

Umthetho wayo ayiyityi inyama, kodwa njengezinye ezikusapho lwempuku iyazitya nezinambuzane. Onomatse bomthi basebenzisa iinyawo zabo zangaphambili ukubamba ukutya. Basasaza imbewu ecaleni kwemithi okanye engceni, nto leyo ibangela ukukhula nokwanda kwemithi.

Ukuzala

Kwingingqi ezisemazantsi zizala ngokwamaxesha athile. Ukukhwelana nokubunguzelelana kwenzeka ngeyeThupha. Bazala intshontsho elinye ukuya kwamathathu ngeye Dwarha ukuya kweyeNkanga, emva kokumitha isithuba seentsuku ezingama 56. Amantshontsho ayekiswa ibele xa eneveki ezintandathu kwaye azishiye ingqweji ayozifunela ukutya esenentsuku nje ezili 19.

Ukuziphatha

Ubukhulu becala zizilwanyana zomthi, kodwa zichitha ixesha lazo elininzi emhlabeni zikhangela ukutya. Xa zither zaphazanyiswa, Onomatse bemithi basoloko bebalekela emithini. Ebusuku, amaqela osapho alawula indawo alala ndawonye kwimingxunya yemithi.
Amantshontsho akulungela ukukhwelana phakathi kwenyanga ezintandathu ukuya kwezilithoba, ngethuba apho ziye zigxothwe sisibini esizakumithisana. Ibaluxanduva lwenkunzi ukuba zikhusele indawo ezihlala kuyo, nangona imazi nazo isenokugxotha ezinye ezizomosha ingakumbi xa isenamantshontsho amancinci. Ukuncedisana nobumbano, zibanevumba elinye, oluyitela ebalulekileyo kwintlalo yezizilwanyana.

Intlalo

Bahlala kwindawo ezinengca, kuquka nezinye intlobo ezahlukileyo ezinemithi. Bakholwa yimithi enemingxunya yokulala efana ne mopane. Xa bathe abakwazi ukufumana indawo zokulala emithini, maxa wambi basebenzisa imingxunya esemhlabeni.

Apho Bafumaneka Khona

Ezi mpuku ziphela emazantsi o Mzantsi Afrika, zinwenwele kumahlathi engingqi ezinemithi zase Mntla Ntshona, kumaphondo Mntla koloni nase Mpumalanga, ukusuka apha ke kuxwesele ngase mpuma ukuya e Swaziland nase Mozambique.

Inkcukacha Ezibalulekileyo

Igama lesi Latin: Paraxerus Cepapi
Ubunzima (Imazi): 108 - 265 g
Ubunzima (Inkunzi): 76 - 240 g
Ubude (Imazi): 35 cm
Ubude (Inkunzi): 35 cm
Ixesha lokumitha: 2 iinyanga
Inani lamantshontsho: 1 - 3
Ukulungela ukukhwelana: 10 iinyanga
Ubunzima ngethuba izalwa: 10 g
Ubume: Rodentia
Usapho: Sciuridae
Ukuzala: 1 - 3 samantshontsho ayazalwa nanini na enyakeni (isibalo siyonyuka kweyeDwarha-kweyeTshazimpuzi. Bamitha isithuba seveki ezili 8.

Imizila Yenyawo

Iinyawo zangaphambili zinobude obuzi 2cm, zize ezangemva zibeobude obuzi 3cm.