Springhare
Ingqumeya

© Nigel Dennis

Igama

Ingqumeya okanye Unziphonde [Pedetes capensis]

Intshayelelo

Igama layo lesingesi elithi springhare liyalahlekisa, kuba Ingqumeya iphantsi kosapho lweempuku hayi elonogwaja. Kodwa ke elesi Xhosa lona elithi uNziphonde alilahlekanga ngoba libhekisele ngqo kwinzipho zayo ezinde. Iingqumeya zikhe zisetyenziselwe isidlo ngabantu base Afrika, Kanye nje ngokuba onogwaja abaqhelekileyo bezingelwa ehlabathini jikelele.

Inkangeleko

Intloko nomzimba we Ngqumeya ububude obungama 400 mm nomsila ongama 440mm. Inobunzima obufikelela kwi 3 kg kwaye yiyo yodwa intlobo yempuku ekwazi ukuxhuma ngemilenze emibini. Ngemilenze yayo emifutshane yangaphambili nemide yangemva, ikhangeleka kwaye iziphatha okwe Khangaru emfutshane.

Zinendlebe ezinde, nentloko efana neyomvundla. Umzimba wayo wangentla utyheli-bumdaka, umbala we toboy ngebala. Incakamu yomsila wazo unombala omnyama ocacileyo. Imibala yazo yangaphantsi iyahiyana ukusuka ku orenjo ukuya kumhlophe. Izini zozibini zibonakala ngokufanayo.

Isidlo

Ingqumeya itya ingcambu zengca, izikhondo zemithu, imbewu kunye namagqabi kwaye zikhangela ingca eluhlaza ezele zizinongo namanzi. Iingqumeya zikhangela ukutya ngawo omane, kodwa zihlala ngenyawo zangemva xazisitya, ukuze zibambe okanye ziqhekeze kakuhle ukutya ngenyawo zazo zangaphambili.

Ukuzala

Ingqumeya ayina xesha likhethekileyo lokuzala, zizala intshontsho elinye emva kokumitha isithuba sentsuku ezingama 77. Iimazi zizala intshontsho elinye ukufikelela kwizihlandlo ezithathu ngonyaka. Amantshontsho azalwa sele enoboya kwaye azalelwa emingxunyeni. Akwazi ubona esasandula kuzalwa. Amantshontsho axhomekeka kubisi lobele lukanina ade abenenyanga ezisixhenxe ubudala abe enobunzima obuyi 1.3 kg. Zilungela ukukhwelana xazigqiba inyana ezisibhozo.

Ukuziphatha

Ngeenyawo zayo ezinde zangemva, zingabaleka ngamendu zishiye iintshaba ezizisukelayo, ezifana nee ntaka ezizingelayo ne Hlosi. Zikholwa kukuhlala kwindawo ezinengca emfutshane, enezityalo ezimbalwa kunye nomhlaba oyi santi ukuze zikwazi ukugrumba.

Apho zifumaneka khona

Ngaphandle kwendawo ezisentlango namahlathi, Ingqumeya isasazeke ku Mzanti Afrika wonke, ithanda kakhulu iindawo ezingamathafa omileyo nendawo ezibukoma.

Amanqaku asendle

Iingqumeya zikukutya okubalulekileyo kubantu base Afrika. Ngenxa yoko ke sinciba isibalo senani lazo kwinginqqi ezininzi zelizwekazi.