Purple Roller

© Roger de la Harpe
Purple Roller.

Amagama aqhelekileyo

Purple Roller, Rufous-crowned Roller.

Igama lesi-Latin

Coracias naevia

Inkangeleko

Zinobude obungange 35-40cm futhi ziweyisha ngomzimba i- 160g. Zombini izini ziyafana. Inkulu, inomzimba futhi iyacothoza. Xa uyibonela kude okanye ebumnyameni, umbala omnyama-ntsundu uyavela emva komqhele. Imiphezulu yona imbala omnquma-luhlaza, umphantsi ubhlowu-bumfusa. Kukhona ukugqama okumhlophe iphinde ibenebala elimbatshileyo bumhlophe emva komqhele. Iimpiko zayo zinyama bubomvu, umsila wona usikweri, imnyama luhlaza ngaphakathi futhi umzimba wona umfusa-bhlowu. Amacala entloko ngaphantsi ambatshile, amfusa-buntsundu. Inomzila omhlophe, iimbambo zangaphantsi, isisu kunye nomphantsi womsila azinamzila zona. Xa zindiza ziyakhanya kakhulu. Iintsiba zokundiza zibhlowu-bumnyama, ezinye iindawo zintsundu. Iimpiko zangaphantsi zona zimbala opinki ombatshileyo. Zinamaphiko amade. Imilenze namanyawo amnquma-buntsundu ngombala.

Itya ntoni

Zitya izinambuzane, iinkumbi, oqonqothwane, iimbovane, oonomadudwane, izilwanyana ezirhubuluzayo, iimpuku kunye namantshontsho entaka.

Ukuzala

Ziyayithanda indawo yazo kwaye zithanda ukumithisana zodwa, zizihlalele kwindlwane zazo. Indlwane zakhiwa phakathi kweyeDwarha neyeSilimela. Lendlwane isetyenziswa ngempumelelo kwiminyaka emininzi futhi intaka imane iyihlola indlwane yayo xa kungelo xesha lokuzala. Amaqanda angunxazonke, amhlophe qhwa futhi ayamenyezela.

Isimilo

Ziyayithanda indawo yazo kwaye zigxotha ikhwezi, unomyayi namantshontsho okhetshe. Zifumaneka zizihambela zodwa okanye ngamaqabane, amaqabane wona athi chu kude le kangange mitha ezilikhulu xa ezihambela. Ithanda ukuthi ngcu kumasebe afileyo kakhulu okanye emthini okanye kumntla womthi. Azikhwazi kakhulu futhi azitakataki njengezinye iintaka.

Indawo yokuhlala

Zithanda indawo elinehlathi elivulekiyo okanye umbindi welizwe. Zidinga iimithi emikhulu xa ilixesha lokumithisana. Zikhetha indawo eshushu, ephantsi emhlabeni.

Zifumaneka phi

Lentaka ihlala e- Afrika. Zigcwele kuwo wonke uMzantsi Afrika kodwa zinqabile kwiindawo ezomileyo.