Ostrich
Inciniba

© Peter Delaney
Ostrich.

Inkangeleko

Inciniba lilungu leqela leentaka ezingakwaziyo ukubhabha. Kuzo zonke iintlobo zeentaka ezingange 8,600 ezikhoyo namhlanje, inciniba inkulu ngomzimba. Ima ngemilenze emide, inomqala omde, ogobileyo kwaye omhlophe. Umzimba wenkabi unesiziba esimnyama, amaphiko nomsila achokozwe mhlophe. Imazi yona intsundu iphinde ibe mhlophe ngombala. Ezintaka zinkulu, ngamanye amaxesha zifika kubude obungange 2.6m nomzimba olingana ne 135kg, azikwazi ukubhabha kodwa ziimbaleki zodumo.

Itya ntoni

Iinciniba zithanda imifuno kakhulu, zitya ingca, amaqunube kuye nembewu enomsoco, nangona ziphinde zitye nezinambuzanane. Ziginya amatye amaninzi ancedisa ekuhlafuneni nase kuginyeni ukutya.

Ukuzala

Iinciniba zimitha enyakeni wonke, futhi ziyabelena ngomsebenzi wokufukama amaqanda. Iinciniba zintaka ezinesimo esixakayo kwaye zilala neemazi kunye neenkunzi. Ukukhwelana kuquka imiboniso enyanzelweyo nomjuxuzo. Xa zahluwe ngokukhwelana, iinciniba zakwe zinye indawo zisebenzisa iindlwane zazo ukugcina amaqanda asuka ku 14 ukuya ku 60. Indlwane ngumngxunya ogrunjwe emhlabeni kwaye unobunzulu obungange 1-2 ngobubanzi. Umlinganiselo weqanda ungange intshi ezintandathu (6) ngobude, iintshi ezi ntlanu (5) ngobubanzi, ngomzimba iweyisha kathathu, iyamenyezela kwaye imhlophe ngombala. Amaqanda athatha ixesha elingange ntsuku eziyi 35-40 ukuqandusela. Inkunzi enentsiba ezimnyama, ihlala emaqandeni ebusuku, imazi entsundu yona izala amaqanda ayi 20, futhi iyawafukama emini. Ngalendlela ayibonakali lula indlwane yayo. Xa ithe yasongelwa isahleli kwindlwane yayo, okungumgodi nje owenziwe emhlabeni, inkukhu ibeka umqala wayo phantsi, ifane nendawo ekuyo ngeloxesha. Iinciniba aziyifihli intloko yazo esantini njengokuba icingwela njalo. Xa amantshontsho eqandusela, ibayinkunzi yenciniba ekhathalela amantshontsho ade afike kwizinga lokwazi ukuzinakekela.

Inciniba efuywe ekhaya

Iinciniba zaphantse zabulalwa pha kwinkulungwane ye 18th ngenxa yokuzingelo lwentsiba zayo. Phakathi kwe nkulungwane ye 20th, ngenxa yolwando lokofuya iinciniba, amanani enciniba anda. Lomfutho ke wasibonisa iinciniba zasekhaya kunye neenciniba ezixhwithayo, endaweni yokuzingela. Ukufuya iinciniba emakhya kuye kwabayimpumeleo kuwo wonke uMzantsi Afrika, ingakumbi kumafama enyama nesikhumba. Isikhumba sijikwa umbala siphinde senze izihlangu kunye neengxowa zokuphatha.

Indawo yokuhlala

Iinciniba zasendle zifumaneka kumaqela ase Ntshona, eMpuma nase Mzantsi Afrika, ubuninzi bawo buhlala kwindawo yezilwanyana kwimpuma yelizwe. Ziyiqhelile indawo enemeko ezomileyo futhi ziyakwazi ukuphila zomiwe kangange zinga eliyi 25%.