Oomama bama Ntwana

Indlela yokuphila yama Ntwana

©Dr Peter Magubane

Omama babonakalisa kwaye banikeza imbonakalo yendlela yokuphila yama Ntwana. Indela yokunxiba, imisebenzi yezandla abayenzayo kuye namasiko abawenzayo ibethelela indima yabo njengabo bahloniphe amasiko kwaye abagcina imeko zezimali zimile phakathi kwedolophu kunye nabayeni babo abangekhoyo, inkoliso yabo isebenza kwezinye iidolophu njengaba phambukeli.

Xa usondela uhlalutya indlela yokuphila yeliqela labantu ekungabhalwanga nto ngalo, indlela abayiyo njengeqela lenkcubeko elinomahluko, elingaqhelekanga elidibanisa imbali kunye neendlela zo Mzantsi Afrika walemihla.

Izinxibo ze Sintu

©Dr Peter Magubane

Nangona indlela yokumila yefaskoti enxitywa ngaphambili (thetho) enxitywa ngama Ntwana kunye nabafazi bama Pedi ngokufanayo, yohluke nje ngemihombiso. Ayifani noboya obunxitywa ngama Pedi, isikwe ngendlela ethile ngokwemizobo, umphantsi wefaskoti zama Ntwana uthambile, ngaphandle ke kwemihombiso efakelwayo.

Ezizinxibo zenzinwa ngesikhumba sebhokhwe okanye ngofele lwangaphakathi lenkomo, ifaskothi yangaphambili nase macaleni ibonakalisa elona nqanaba libalulekileyo kubomi bomfazi wama Ntwana: ukutshata kwakhe kwakunye nokwamkelwa kwakhe njengomama ekuhlaleni.

Ifaskoti yangaphambili ihonjiswa kancinci; eyonanto bahombisa ngayo rhoqo yi sehlora (‘umsila ka nomatse’): ihombo efana nentyatyamo enezangqa ezihonjiswe ngentsimbi ezimhlophe ngaphandle, mnyama okanye hlaza ngaphakathi kwesangqa, ibe bomvu namhlophe phakathi. Isehlora ibonakala ibalulekile kuma Ntwana kuba inkoliso yawo ayathanda ukuyifaka kwizinxibo zabo zesintu kwaye inxitywa entloko.

Ifaskoti yasecaleni (ntepa) enxitywa ngabafazi bama Ntwana ime oku kukanobumba u ‘V’ eyenza indawo kanobumba ze yenziwa ngamafele amabini (lekobe). Phakathi kwama Pedi, lendlela ke yokubekwa kukanobumba u ‘V’ ibonwa njengembonakaliso yomhlaba wangezantsi womama kodwa abafundi bama Ntwana bakholelwa okokuba ibonakalisa imilenze yangemva yebhokhwe. Kodwa ke zombini zibonakalisa inzala yomntu ongumama.

Ugxininiso kwindima yabafazi bama Ntwana njengabo bazisa abantwana ibonakala eyonandlela i kwi gimwane okanye popenyane- unodoli wesintu omele inzala owenziwe nge ntambo, iwulu neentsimbi. Izakhono zokwenza abanodoli, umama uye afundise intombi yakhe. Amantombazana amancinci aye enze ngathi onodoli ngabayeni okanye amakhwenkwe abo, athi amenywe ukungenela ukhuphiswano lomdaniso, ze ophumeleleyo abeyinkokheli yeqela labo baya ebuntombazaneni.

Lamakhwenkwe asemancinci aye adibanele kwikhaya lenye yamantombi, athi ke yena afolisa onke ama gimwane emgceni. Oo ‘tata’ kunye noo ‘mama’ benza imiqolo emibini kumacala onodoli badibane nabalingane babo. Othe waphumelela, njengoku gqityelwa ngumzali, ufumana isikhuma sebhokhwe njenge mbasa.

Amanye amakhwenkwe avame ukwenza ukhuphiswano lwentonga ukuze kugqitywe okokuba ngowuphi oyena uyinkokheli. Amabhanti ayimibala-bala enziwe ngentsimbi kwingxenye yecala elisezantsi le gimwane ayeabekwe ngokwesinxibo sesintu nemibala: amalaphu entloko amabini amhlophe, elandelwa ngubomvu omnye, uhlaza, pinki omnye maxa wambi nomhlophe omnye emazantsi.

Lendlela yokubeka imibala inxitywa ngabafazi abolukileyo nabatshatileyo bama Ntwana esinqeni. Umhlophe, bomvu, hlaza okanye mnyama yimibala eqhelekileyo phakathi kwama Ntwana ngenxa yokuhambisana neentlobo zemihlaba (efana nomthubi endaweni ka bomvu), kukholelwa lemihlaba inemilingo, namandla okuphilisa.

Oonodoli Benzala

©Dr Peter Magubane

Nangona oonodoli benzala bengena mbonakaliso yocantsi, isini samanye ama gimwane angabonakala ngobume befaskoti zangaphambili nasemacaleni. Igimwane yamadoda ibanamalaphu angunxantathu logama onodoli bomama bebonakala ngobume buka nobumba u’V’ kwifaskoti ebonakalisa intepana (ifaskoti emabucala) enxitywa ngama ntombazana ama Ntwana angolukanga.

Ziyanqaba ezizinxibo zesintu ekuhambeni kwamaxesha konodoli bama gimwane, akufani kwizihombisi ezifumaneka konodoli abenziwe kulemihla. Konke oku kungenxa yokuba ama gimwane awasenanto yokwenza nembonakaliso yenkcubeko. Kodwa ke sele isenzelwa imali, kwaye itshintshiwe ukwanelisa iminqweno yokuba kuhonjiswe ngayo kulungiselelwa abathengi abamhlophe.

Translated by Zikhona Plaatjie