Crocodiles
Ukrebe

© Roger de la Harpe

Inkangeleko

Iintlobo zika Krebe zohlukene. Ngu Krebe omkhulu, onobude obubalelwa kwi 5 m, maxa wambi ifikelele kubude obuyi 6 m kodwa akuxhaphakanga oku. Zikhona ke neengcelo zokuba babakhona abafikela kwi 7 m, kodwa kunzima ukuqinisekisa ubunyani boku. Bukhona ubungqina bo Krebe abakhula baphelele kubude obungama 4m; kumazwe apholileyo. Zikhona indawo ezimbini apho kukho oo Krebe abazinywagi- abafutshane kunesiqhelo.
Bona ke bafumaneka kwimeko ezimaxongo, e Mali nase Ntlango ye Sahara. Ngenxa yezimeko uKrebe omdala ubanobude obubalelwa kwi 2-3 ye mitha. Amantshontsho anombala ofuna ukuba luhlaza-mdaka kunye nemigca exananazileyo emsileni nasemzimbeni. Lemigca iya itshitheka ngokuye bekhula.

Isidlo

Nangona amantshontsho aphelele ekutyeni izilwanyana ezincinci eziphila emanzini nezinambuzane, zikhawuleza zitshintshele kwezinkulu ezifana nee ntlanzi, amafudo, nezirhubuluzayo. Ezi ndala zina zinga hlasela ezinkulu ngakumbi ezifana ne nyamakazi, inkomo yohlathi, imvubu ezincinci, nekati zehlathi. Ubukhulu becala zitya iintlanzi nezinye izilwanyana ezincinci zamanzi, nangona aba Krebe bedume nangokutya abantu. Kuqikelelwa ukuba babulele abantu abaninzi ukogqitha zonke ezinye iintlobo zokrebe bedityanisiwe. Eli nani ke liquka nele mvubu nee ngonyama. Nangona kunzima ukuchaza inani elichanekileyo. OoKrebe bathi batye no khakhayi bezilwanyana esele zifile. Baye batye kunye nezinye izilwanyana endaweni enye.
Maxa wambi xa athe wabulala ixhoba uye aligcine phantsi kwamahlahla omthi okanye phantsi kwamatye, ukuze alitye ngelinye ixesha. Bambi bathi u Krebe ukholwa kuyitya inyama xasele ibolile, ukuze izohlephuka lula. Kodw akukho siqiniseko sobunyani koku. Kuba esi silwanyana asiyithandi ncam inyama ebolileyo. Xa zisitya, ixhakamfula ixhoba ngentloko ize ijije umzimba ngemihlathi yayo ezomeleleyo.
Maxa wambi zithi zijikeleze indawo enamanzi ukuze zibiyele iintlanzi ngaphakathi ukuze zitye. Kwimeko enje ke kuqale kutye iinkunzi eziphetheyo.

Ukuzala

Esi silwanyana sigrumba umngxunya ubunzulu bufikelela kuma 50 cm esantini, endaweni ethe qelele namanzi. Indawo zazo zokuzalela zingakufuphi nezezinye zokuzala nazo. Ixesha lokuzala liyashiyana ngokwendawo ehlala kuyo. Kwezinye indawo ibangexesha lokuqala kwe mvula okanye xakomile. Zikulungela ukhwelana xazinobude obungama 2.6 m-Imazi. Zize inkunzi xazinodube obuyi 3.1m. Iimazi zizala amaqanda angama 40-60 nangona elinani lishiyana kwindawo ezithile. Kwaye imazi zihlala kufuphi namaqanda azo. Ifukama isithuba seentsuku ezingama 80-90. Iinkunzi ziyancedisa nazo ekufukameni amaqanda.

Ukuziphatha

Iindlela abaziphatha ngayo ooKrebe kwintlalo yabo isathathwa kancinci, nangona izinto ezininzi zingaqondwa. Ezi ngenamandla okanye magunya zithi zitye ukutya okuncinci xa zisabelana nezinamandla nogonyamelo olukhulu.

Apho bafumaneka khona

Mzantsi Afrika, Botswana, Yiphutha, Topiya, Mozambique, Namibia, Somalia, Swaziland, Zambia, kunye neZimbabwe.

Igama lesi Latin

Crocodylus niloticus. Esi silwanyana sinikwa magama amaninzi ngokwendawo ezohlukeneyo esihlala kuyo. Kwaye nazo zohlukahlukene. Lamagama ke awafane ahlulwa hlulwe kwizibhalo ne ngxelo, kwaye ayingomagama amiselweyo nanga ngezantsi: C. n. africanus (East African Nile Crocodile), C. n. chamses (West African Nile crocodile), C. n. corviei (South African Nile crocodile), C. n. madagascariensis (Malagasy Nile crocodile, Malagasy alligator, Croco Mada), C. n. niloticus (Ethiopian Nile crocodile), C. n. pauciscutatus (Kenyan Nile crocodile, Kenya alligator, Kenya caiman), C. n. suchus (Central African Nile crocodile).