Ngeniso Yokufuya Iihagu

©Dr Jim Robinson
The cost of raising and feeding should be considered when deciding on when to sell a pig.
Xa ugcina iihagu efama ixesha elide, kuye kubelixabiso eliphezulu ukuzityisa kwaye nomngcipheko ubamkhulu owokuba zigule okanye zonzakale. Amafama ke kufuneka akhethe elona xesha lilungele ukuthengisa iihagu zawo, ngokwendlela yemveliso abayisebenzisayo kunye neemeko, uhlobo lwehagu abazivelisayo nokukhula kwe hagu zabo.

Ixesha Lokuthengisa

©Glenneis Kriel
Weaners are traditionally sold when they are six weeks or ten to twelve weeks old.
Izilwanyana zingathengiswa nanini na, kodwa amatshotsho ngesiqhelo aye athengiswe xa eneveki ezintandathu xa ebubunzima obuphakathi ko 9 ukuya ku 10kg ukunyusa ingxowa yemali engenayo, okanye kwiveki ezilishumi ukuya kwezilishumi elinambini xa zibubunzima obungu 25kg. Ezityebileyo eze nzelwe inyama kunye nezenzelwe i(bacon) zithengiswa xa sele zindala, ezenyama xa zisinda zingama 70kg kwaye eze bacon zibubunzima obungama 75kg ukuya ku 95kg.

uKuthetha-Thethana ngama Xabiso Ehagu

©National Pork Board and the Pork Checkoff, Des Moines, IA, USA.
Porkers leaving the farm.
Ukubona elona xabiso lilungileyo, iSouth African Pork Producers Organisation (SAPPO) kwincwadi yemveliso ethi Pigs for Profit icebisa okokuba amafama asebenzise lamaxabiso ngokwe kilo kweze bacon njenge nyathelo lokuqala kwiingxoxo. Ixabiso lamantshontsho angu 9 ukuya ku 10kg, aye abe ngamashumi amabini anesine wexabiso elibhatalwa ngokwe kilo kweze bacon kwaye kuqikelelwa ukuphindwa ngamashumi amathathu oko kumantshontsho abubunzima obungu 25kg.
Ixabiso lehagu zenyama livame ukuba phezulu kunamaxabiso weze bacon. Thetha namanye amafama uve afumana malini kwaye ufunde neencwadi zezolimo ukuziqhelanisa ngokwenzekayo kwimveliso yokuthengisa iihagu.

uNgazithengisa phi Iihagu

©Glenneis Kriel
Pigs may be sold directly to a butcher.
Ingaba yimpazamo enkulu ukuqala ishishini lokuvelisa iihagu wakugqiba ukunqwenelele okungcono ngexesha ekufanele uthengise izilwanyana zakho. Iziphumo ezingcono, kufuneka ukhethe, ubeke bucala phambi kokuba ufake imali eninzi ekufuyeni, ekulula phofu ukuyithetha kunoba yenza kuba abavelisi abaninzi bafuna ukubona imfuyo yakho phambi kokuyi thenga.
Ungasebenza nge arhente. Ezi arhente okanye abathengisi abaphakathi zisebenzela ixabiso elithile besebenzela abavelisi kwindawo zokuxhela ezinkulu. Baye bakhathalele yonke into apho kuxhelwa khona iihagu, izinto ezifana nokurhafela lendawo yokuxhelela, ukuhlolwa, nokubeka amaxabiso kwaye bathetha-thethane ngexabiso lehagu zakho ngemini ezi ziswa ngayo.
Enye indlela ke sisivumelwano sabucala nalowo ungumnikazi wevenkile yenyama, umhambisi okanye umthengisi, oku ke kungcono kuba amaxabiso ahlala emile ixesha elithile oku kunceda ukukhusela abavelisi kumaxabiso anyuka imihla ngemihla. Umceli mngeni ke apha kukuba nenani elaneleyo kunye nokuthi gqolo ngokuba neehagu maxa onke ezilungileyo. Abavelisi bangawoyisa lomceli mngeni ngokuthi badibanise izixhobo kwaye bathengise imveliso yabo kunye.
Iihagu zingathengiswa nakwi okshini, ngqo kwindawo zokuxhela ezincinci njengoko zimane zifumaneka okanye zixhelwe ekhaya. Xa uhambisa ihagu eziphilileyo, amafama kufuneka aqinisekise okokuba anazo iimpepha mvume zokuhambisa izilwanyane, okanye iihagu zinga futhamiseleka. iPigs for Profit ilumkisa ngentengiselo yaba dlula ngendlela, abahamba fama nganye bethenga iihagu, kuba kukho umngcipheko omkhulu wokuba bangazisa izifo kwi fama yakho.

Translated by Zikhona Plaatjie