Meerkat
Igala

© Nigel Dennis

Igama

Igala (Suricata suricatta)

Inkangeleko

Igama lalo lesibhulu elithi Meerkat libhekisele kwelesingesi eliyi Yellow Mongoose okanye iSuricate kwaye nalo licatshulwe kwelesi Dutch elibhekisa kwisidlo see mbovane. Igala lisoloko libonwa lime ngemilenze yalo yangasemva nomsila, logama lilaqaza okulingqongileyo. Umzimba walo ontsundu ucwebezelayo unemiqolo yamachokoza ebubomvu-bumdakarha ngebala apha emqolo.
Amehlo anezaringe ezimnyama ezigqamileyo. Intloko nomzimba zibubude obungama 250-310 mm nomsila obude ubungama 200-250 mm. Igala elidala linobunzima obungama 620-960 grams. Amagala anemisila emifutshane, enoboya obufutshane obumnyama encakamini. Iinyawo zangemva zityebile kunezangaphambili. Intloko imbaca kwaye irawndi, kunye nempumlo etsolo.

Isidlo

Amagala atya izinambuzane, iimpuku ezincinci, amacikilishi kunye neenyoka ezizibamba ngokukhawleza kombane. Iimazi ezimithiyo nezisancancisayo zizingela ukutya kakhulu ukogqitha amanye amalungu eqela, ukuze akhawlelane nezidingo samandla adingekayo ukuze ancancise okanye athwale amantshontsho asesiswini. Izini zozibini zitya ukutya okufanayo, noba zingakanani na.

Ukuzala

Iimazi ezindala zithi zimithe ngokwamaxesha athile onyaka zitshintshiselana,ukuze ibenyeimazi ezalayo ngexesha kwiqela ngalinye. Iimazi zingazala phakathi kwelinye ukuya kwamathathu amantshontsho ngonyaka, kodwa umtyhi phakathi kokuzala axhomeke ekunetheni kwemvula.
Izinga lokuzala liyonyuka phakathi kweyo Mqungu neyo Kwindla. Iqela lonke lithatha inxaxheba ekukhathaleleni nasekumpeleseni amantshontsho. Logama amanye esayokuzingela ukutya, elinye lisala ngemva ukuze ligade amantshontsho.

Ukuziphatha

Amagala avamise ukuba nebango ngendawo. Iqela ngalinye luvamise ukuba namalungu alishumi, inani lenkunzi nelemazi liyalingana. Akwahamba emini kuphela, aze afihle intloko emingxunyeni ebusuku okanye xa esengozini.

Apho Afumaneka Khona

Axhaphakile embindini wengingqi. E Mzantsi Afrika Igala lisasazeke entshona liqala kwiphondo le Mntla-Ntshona, ukwehlela e Free State ukuya e Karoo kufutshane ne Kapa kunye nasentshona e Atlantic seaboard.