Limpopo-Shashe Transfrontier Conservation Area

Iphupha Lika Dongola

©Roger de la Harpe
Ngenyanga ka Juni ngomnyaka ka 2006, amazwe oMzantsi Afrika, iZimbabwe kunye neBotswana batyikitya isivumelwano-Memorandum of Understanding (MOU). Esi sivumelwano sasichaza ukudibana kwabo ekuzinikeleni, kunye nenjongo yabo yokuqulunqa iLimpopo-Shashe Transfrontier Conservation Area (TFCA). Oku ke kwakuzakudibanisa iMapungubwe National Park, inorthern Tuli Game Reserve ekwilizwe lase Botswana kwakunye ne Tuli Circle ekwilizwe lase Zimbabwe – umhlaba omalunga nama 136 900ha, uwonke. Ezinye iziza zemihlaba nazo zisajongwa. Eli bali laqala ngephupha lika Jan Smuts le Dongola, lide lafezekiseka ekugqibeleni.
Kwiminyaka embalwa egqithileyo, umbono wokuqulunqa ukulondoloza indalo nokudibanisa amazwe (transfrontier conservation areas) sele uthande ukuxhaphaka ngamandla. Oku kungenxa yokuba i-ecotourism iyakhula kuba amazwe afumanise ukuba ezezimali zawo ziyaphuhla xa esenza oku.
Lomba uqhutywe linani le arhente, kuquka iPeace Parks Foundation, kwaye aMazantsi eAfrika anethamsanqa, kuba anenani leendawo ezikhuselekileyo ezigqithela ngaphaya kwemida yeze politiki. Le mida iquka: Greater Limpopo (phakathi kwe Kruger kunye ne Mozambique), Ai-Ais-Richtersveld (phakathi kwe SA kunye ne Namibia), Kgalagadi (phakathi kwe SA kunye ne Botswana), Maloti-Drakensberg (phakathi kwe SA kunye ne Lesotho), Lubombo (phakathi kwe SA, Swaziland kwakunye ne Mozambique), kwakunye ne TFCA esaphuhlayo ephakathi kwamazwe ase Malawi kunye ne Zambia. Ngoku sele kukho ne Limpopo-Shashe.

Ukhuselo Jikelele

©Roger de la Harpe
Ezi TFCA zixabiseke kakhulu kuba zisusa amacingo abiyileyo, kwaye avumela ukuhamba-hamba ngokukhululeka kwezilwanyana (kunye nabakhenkethi) kwimigama ethe gabalala yemihlaba. Esi sivumelwano phakathi kwamazwe eSA, Zim kunye ne Bots (la ke ngamagama aqhelekileyo alamazwe) linyathelo elikhulu elijolise kukhuseleko olupheleleyo kunye nokubuyiselwa kwesimo sase Mapungubwe. Sele kude kwahlelwa nokucela i-UNESCO ukuba yandise isiza esiphawulwe njenge World Heritage sase Mapungubwe, ukuze iTFCA yande nangakumbi.
Ubani angafane abenombono ke wemimangaliso ye Limpopo-Shashe TFCA. Abatyeleli bazakutsho babenethuba lokuva nokubona umlandu nenkcubeko yase Mapungubwe ngobunjalo bayo. Bangakwazi nokunqumla bangene kwi bloko le Tuli Tuli, bayokubona izilwanyana ezintlanu ezinkulu zase Afrika (Big 5), emva koko bangaya nase Zimbabwe nalapho banokutyelela ilali kunye noluntu ukuze babone enye yeenkcubeko esaphilayo. Kukwakho nezinye iziza ezibonisa ngentlalo yabantu bakudala-dala, azidumanga kakhulu ke zona ezindawo kwaye zilindele wena ukuba uyokuzibonela.

Translated by Zizipho Silwana