Izinto Ekufanele Zenziwe Efama Ukuthintela Ukubiwa kwe Mfuyo

© Louise Brodie
Ngaphandle kokulandela umthetho ukwenza lula okokuba Ama Polisa akwazi ukubamba kwaye atshutshise amasela, iNational Stock Theft Prevention inikeza lengcebiso ilandelayo kwindlela amafama angazikhusela ngayo ko bobugebengu.

Khathalela Izibonelelo Zendawo

©Eric Miller
Qinisekisa okokuba amacingo namasango akwimeko elungileyo kwaye qasha umntu mihla le ehle esenyuka alungise namacingo xa kukho isidingo. Iindawo ezonyukayo zokupakisha kwindawo zokugcina izilwanyana okanye efama mazitixelwe kude okanye mazisuswe emehlweni abantu zivalelwe ukuze amasela emfuyo angazi sebenzisi ukungena kwindawo enezilwanyana.

Gcina Izilwanyana kude Neendlela zika Wonke-Wonke

©Eric Miller
Izilwanyana ezitya emadlelweni okanye ezigcinwa kufuphi nendlela zika wonke-wonke zise mngciphekweni, kucetyiswa okokuba umfama athabathe amanyathelo ongezelekileyo ukukhusela ezizilwanyana. Qasha umelusi ozakuzijonga okanye ufumane ubuchwephesha bale mihla obubizwa ngoku yi ‘safety device’ yona ke iye ikuchazele xa umhlambi wakho uqalisa ukuziphatha ngendlela engaqondakaliyo – xa kufike amasela emfuyo, ziye zibaleke zizama ukubaleka abo bafuna ukuziba.

Yibakhona

©Eric Miller
Xa uthenga umhlaba omtsha, zama ukuthenga umhlaba okufuphi apho uhlala khona ukuze kubelula ukuqaphela okokuba kwenzeka ntoni emhlabeni wakho. Ukungabikho Kubeka ifama yakho emngciphekweni.

Qaphela Abantu Ongabaziyo

Qinisekisa wazi wonke umntu osefama ugcine uluhlu lwe ndwendwe. Ungavumeli abantu abazula-zulayo okanye abantu abangasebenzi/ngenamakhaya bahlale kwifama yakho. Abantu abangaziwayo okanye abasebenzi abandwendweleyo kufuneka bafumane imvume yakho phambi kokuba bangene efama.
Xa uqasha abantu abatsha, jongisisa imvelaphi yabo. Buzisa okokuba bayishiye ngasizathu sini indawo abesebenza kuyo ubuzisa naku Mapolisa Omzantsi frika (South African Police Services) okokuba abanawo na amatyala olwaphulo mthetho emagameni abo.

Yenza Abantu Basekuhlaleni babe Kwicala lakho

©Eric Miller
Yenza wonke umntu kwifama yakho abazi ubungozi bokwabelana nabantu bangaphandle ngokwenzeka efama, ukususela kubasebenzi ukuya kubantwana babo. Zama abasebenzi babesecaleni lakho ngokubanikeza uxanduva ngokhuseleko lwase fama, umzekelo ukuvumela imfuyo yabo ixubane kwaye itye emadlelweni neyakho. Wonke umntu makajonge konke okungaqhelekanga okunokubeka ukhuseleko loluntu olusefama emngciphekweni.

Zama Ukungabine Nkqubo Enye

Tshintsha indlela owenza ngayo izinto efama ukuze uthintele iimpimpi zingachazi inkqubo yase fama kwaba ngaphandle efama. Ungabali izilwanyana zakho ngexesha elinye yonke imihla, kwaye uzame ukuqhuba kwindawo ezahlukileyo xa uyokujonga izilwanyana.

Hlala Uphaphamile

©Jacques Marais
Hlaba ukhangele ngokuhlala uphaphamile, ingakumbi ukutshona kwelanga, iimpela veki, ekupheleni okanye ekuqaleni kwenyanga, ixesha lokubhiyoza lika December okanye nanini na ixesha olaziyo okokuba imfuyo iyabiwa. Yaleza ngoku khawuleza kwicandelo elisebenza ngokubiwa kwemfuyo xa kukho abo bajonga imfuyo baqikelele nengeniso yayo njalo-njalo, fihla abo bathenga amathambo okanye abathengisa imfuyo bekhona kwindawo ohlala kuyo kwaye gcina uluhlu lwabo banokuthenga imfuyo ngoku khawuleza xa sele niqalisa iingxoxo.
Oku kubhalwe apha kuqokelelwe kwinkcukacha zolwazi ezinikezwe yi National Stock Theft Forum.

Translated by Zikhona Plaatjie