Isizwe sama Ndebele eMzantsi Afrika

© Dr Peter Magubane

Iingcambu zama Ndebele

Kwinkulungwane yonyaka onesixhenxe (17th Century) ama Ndebele aziguzula kubazala ababehlala lunxwemeni abangama Nguni, abo ke babezakuba yinxalenye yomkhosi owomeleleyo wama Zulu. Phantsi kwesikhokhelo sika Musi, isizwe sama Ndebele sahamba sayokuhlala ngaphakathi kwekoloni, ze bahlala emantla, namhlanje yaziwa njenge Pitoli.

uMusi wabonwa njengo mlawuli okrelekrele, lowo ke inkathalo yakhe yayingabalandeli bakhe nokhuseleko labo ukuthi bangaqhatheki ngabamelwane abanamandla. U-Musi waye sebenzisa ingqondo hayi umsindo ukuze izinto zihambe ngendlela yakhe.

Njenge nkokheli elilungisa kwaye ehloniphekileyo ekhathalayo, kudume okokuba wade wathandwa nga Basotho, abo ke wathi yena naban, tu bakhe bahlala nabo.

Saqhekeka Isizwe

Kwathi kusakufa uMusi, unyana wakhe omdala uManala wachongwa njengalowo uyakuba yinkosi. Omnye unyana omdala, uNdzundza wathi wacela umngeni ngesisigqibo, nempikiswano phakathi kwabo yathi zasi qhekeza isizwe sama Ndebele esasifudula simanyene. Exesheni umlo waqala, kwade kaphalala igazi, uNdzundza woyisakala wabaleka.
U-Ndzundza nabalandeli bakhe baya ngase Mpuma, bahlala kumaphezulu we Steelpoort River kwindawo eyaziwa ngokuba yi Kwa Simkhulu, kufuphi ne Belfast ze uManala wabekwa njenge Nkosi endlini kayise ebukhosini. Akuzange kubekudala kwaqhambuka olunye uqhekeko olwalusenziwa ngabanye onyana, baziqhekeza kuma Ndebele. Uqhekeko luka Kekana lwahambela ngase Mantla bahlala kwindawo eyaziwa njenge Zebediela kule mihla, elinye icala, phantsi ko Dlomo labuyela eMpuma yolwandle apho intsusa yama Ndebele isuka khona.

Translated by Zikhona Plaatjie