Inkqubo Yogonyo Lwee Bhokwe

© Susan Schoenian University of Maryland Extension

Iibhokwe zinga gonywa kumanqanaba ohlukileyo njengokuba zisiya zikhula, ukuthintela izigo nokosuleleka. Funda imiyalelo uze ulandele ngengcebiso zomvelisi wamayeza. Qaphelisisa xa usebenzisa amayeza okugonya kwiibhokwe ezimithiyo.

Amayeza eeBhokwe

©Susan Schoenian University of Maryland Extension
Amayeza ogonyo kunye namachiza ezifo zebhokwe kufanele asetyenziswe ngokwemiyalelo ebhalwe kwiphetshana eliphume neyeza. Ukuba akulandelwanga indlela eyiyo, iyeza lisenokunga sebenzi.
Qiniseka ukuba iyeza elo lelebhokwe, ingabikanti lelee nkukhu umzekelo.
Qiniseka ukuba isilwanyana sifumana umlinganiselo onguwo weyeza. Lomlinganiselo usenokuxhomekeka kubunzima nomlinganiselo lowo webhokwe.
Ukuze asebenze, amanye amayeza kusenokufuneka ukuba aselwe ngaphezu kwesinye, logama amanye adinga ukuselwa nje kube kanye.
Amayeza ohlukeneyo nawo adinga ukusetyenziswa ngendlela ezahlukeneyo- asenokuselwa ngqo emlonyeni, afakwe ngenaliti phantsi kwesikhumba okanye esihlunwinwi, ngokuqatywa kwindawana ethile emzimbeni, ngokugalelwa esikhumbeni okanye ngokusa isilwanyana ediphini. Qinisekisa ukuba iyeza ngalinye lisetyenziswa ngendlela efanelekileyo.
Jonga umhla eliphelelwa ngawo iyeza. Ukuba iyeza lidlulelwe lixesha, lisenokungasebenzi.
Gcina iyeza kwindawo epholileyo nekude nabantwana okanye izilwanyana.
Sebenzisa inaliti kubekanye kuphela, uze uyilahle nge khoba lesiselo. Xa sele igcwele, cela ugqirha wezilwanyana ukuba ayithatha ukuze ayitshabalalise. Musa ukusebenzisa inaliti enye kwizilwanyana ezahlukileyo.
Ukuze iyeza lisebenza, kufuneka lithi saa emzimbeni wonke we bhokwe kwaye lizakubakho ebumanzini obuphuma ebhokweni, kuquka nobisi. Funda imiyalela ukuze wazi ukuba kufanele ulinde iintsuku ezingaphi ngaphambi kokuba uxhele ibhokwe leyo okanye usebenzise ubisi lwayo.

Iinkqubo Zokugonya Amatakane Ebhokwe

La maxesha alandelayo kufanele abonwe njengo mkhomba ndlela kuphela. Qhakamshelana nogqirha wezilwanyana mayelana nenkqubo ekhethekileyo onokuyisebenzisa kwibhokwe zakho.
Amatakane – kwiveki yokuqala yobomi bawo: Wagonyele isifo esibizwa nge heartwater (qhakamshelana nogqirha wezilwanyana okufuphi nawe).
Amatakane – Ukusukela kwiiveki ezi 2 ezelwe: Wagonyele isifo esiyi Pasteurella. Gonya kabini, utsibise iveki ezi4 phakathi.
Amatakane – ngapaphambi kokuyekiswa ukuncanca (xa enenyanga ezi 2 ukuya kwezi 5 ubudala): Wagonyele ipulpy kidney, Pasteurella kunye ne back quarter.
Amatakane -anenyanga ezi 6 ubudala: Wagonyele ibluetongue (wagonye ka3, kwiveki ezi 3 phakathi), pulpy kidney, black quarter, anthrax.

Inkqubo Yokugonywa kweeNkunzi kunye namaThokazi

Epril ukuya ku Meyi: gonyela Pasteurella kwii imazi kunye neenkunzi esele zikhulile male goats
Entwasahobo (Agasti – Septemba eMzantsi Afrika): Gonyela amathokazi kunye neenkunzi kwi bluetongue. Oku kufanele kwenziwe kwiiveki ezilithoba ngaphambi kokuba amathokazi amithe. Xa kugonyelwa ibluetoungue, umlinganiselo uba zii vaccine ezintathu, emve kwesithuba seveki ezintathu.
Agasti – Septemba eMzantsi Afrika: gonyela i pulpy kidney, black quarter (kwiveki ezine ngaphambi kokuba uzichebe ibhokwe zohlobo lwe Angora)kunye ne anthrax (kwisithuba seveki ezine ngaphambi kokuba uchebe iibhokwe zohlobo lwe Angora).
Amathokazi - Ngaphambi kwexesha lokumitha: Ungawagonyela ukuphuncuka kwesisu okubizwa nge enzootic okubangelwa yi Chlamydia (kwiveki ezi 4 ukuya kwezi 6 ngaphambi kwexesha lokumitha).
Amathokazi – ngaphambi kwexesha lokumitha: Ungawagonyela i blue udder (kwiveki ezi 6 - 8 kwakhona kwiveki ezi 2 - 4 ngaphambi kokuzala)
Gonyela ne tetanus (kwiveki ezi 6 - 8 kwakhona kwiveki ezi 2 - 4 ngaphambi kokuzala) ugonyele ne orf (kwiveki ezi 4ngaphambi kokuzala, ukuba kutshiwo)
Nceda uqaphele: Injongo yale nkcukacha yeyokufundisa nokunika ulwazi kuphela. Kwaye ayinakho ukusetyenziswa njengengcebiso zikagqirha. Le nkcukacha ayenzelwanga ukungenela endawenu yengcebiso zamayeza okanye amachiza oyinikwe ngugqirha wakho wezilwanyana.

Translated by Zizipho Silwana