Ingcaciso yeCoat of Arms yaseMzantsi Afrika

Kutheni Kukho iCoat of Arms?

iCoat of Arms yi emblem yesizwe kwaye lelona phawu luphezulu lwesizwe sethu. Ngokwesithethe iCoat of Arms yayisetyenziswa njengesivalo ukuqinisekisa ukuba imiyalezo ebhaliweyo ayitshintshwa okanye ifundwe, kwaye yayisenzela ukubonisa ukuba ngubani obhale umyalezo.

Namhlanje, ukusetyenziswa kwe Coat of Arms yoMzantsi Afrika kubonisa ukuba iphepha elo libhaliweyo ligunyazisiwe nguMongameli woMzantsi Afrika kwaye namagunya apheleleyo anikwe eliphepha livalwe ngophawu lwe Coat of Arms.

iCoat of Arms entsha yoMzantsi afrika yalontshwa ngomhla wama 27 Epreli 2000, Imini yeNkululeko. Injongo yokutshintshwa kwe Coat of Arms yayikukucacisa utshintsho lwenkululeko ne demokrasi. Kwaye kwakufunwa ukugxininiswa nokukhuthazwa umanyano labo bonk abemi boMzantsi Afrika.

Ukuhlelwa Kokwenziwa Kwayo

Ngomhla we 7 Septemba 1993, iMulti-Party Negotiating Council of South Africa yonyula iKomishini yaMaphawu eSizwe- National Symbols Commission ukuze iqae uphando lwendlela ekuzakwenziwa ngayo amaphawu amatsha,iflegi kunye nomshobe wesizwe soMzantsi Afrika.

Bacela abemi boMzantsi Afrika ukuba bazise ngaphambili iimbono zabo, kwezi mbono ke kwaqalwa ukuqulunqwa imibono embalwa ekhethiweyo. I-The Government Communication and Information System, GCIS, yathethana nabe Design South Africa, nemele iiarhente ze design zase Mzantsi Afrika ukuba inike imiyalelo kwii designers ezilishumi ezihamba phambili zase Mzantsi Afrika.

Kwakhethwa iidesigners ezintathu ukuze zibonise ngembono zazo kwi Khabhineti. Kwakhethwa idesign ka Mnu. Iaan Bekker ukuze isetyenziswe kwi Coat of Arms entsha. Ungumlawuli weFoote, Cone & Belding Group.

Indlela Eyenziwe Ngayo-Design

iCoat of Arms yenziwe ngokudibanisa iqela lee elementi ezithile zaze zabekwa ngendlela eile okwe qanda, enye yaba phezu kwenye. Ukumila kweqanda okungezantsi kumele isiseko sethu kwaye yenziwe ngee elementi eziliqela. Eyokuqala yi motto ethi - ‘!ke e:/xarra //ke’ – nethetha ukuba ‘bantu abohlukileyo manyanani’ oku kubekwe kwi sekile eliceba eluhlaza.

Ecaleni kwale sekile iliceba kukho iimpondo ezimbini zendlovu ezijonge phezulu. Ngaphakathi kwale sekile iliceba kukho iindlebe ezimbini zengqolowa nezixhage ikhakha legolide. Eli khakha lime ngakwi gubu lize libekwe phakathi kwegubu lona ke liphakathi kwento ekumila kwabantu, abazotywe ngendlela uhlanga lwama Khoisan lwaluzoba ngayo ematyeni.

Entla kweli khaka kukho umkhonto ne gqudu, zombini ke ezi zikhali zixananazisiwe ukwenza into enye. Ezi elementi zenza ukumila kwe ovali okusema zantsi, isiseko. Kanye ngentla kwesi siseko kukho enye iovali, enomphantsi owenziwe nge ndlungi/King protea. Iintyatyambo ze ndlungi zimile oku kuka nxantathu, nto leyo ekwenza ucinge ngemisebenzi yezandla yase Afrika.

Entla kwale King protea kukho intaka ene protea ekhula esifubeni sayo. Lentaka iphakamise amaphiko, nagqibezela i-ovali engentla. Ilanga eliphumayo liphakathi kwamaphiko alentaka, negqibezela i-ovali engezantsi. Lo mxube we ovali ezimbini ezidibanayo wenza umbono omhle obukelekayo nobubuchule.

Translated by Zizipho Silwana