Imivundla - Ephakathi Ngesiqu Esetyenziswa-Kwizinto Ezahlukileyo

© Judy Stuart

Xa ubani ekhetha ukufuya imivundla, kubalulekile ukujonga amathuba okuzi papasha kuwo wonke amathuba afumanekayo. Xa ubani efuye kakhulu kuqhelekile ukusebenzisa ezona ntlobo zinkulu ezifana ne New Zealand Whites kunye ne Californias, kwaye kune mbuyekezo ukujonga ezi zaziwa ngokuba zi medium-sized dual purpose rabbits xa ubani efuye kancinci.
Ukufuya okuxhasekayo kufuna okokuba imivundla inganikwa ukutya okuthengiwe okuninzi, njengoku isitya ingca nemifuno ehlaza esuka kwigadi yamachiza. Zikhula kade kakhulu kunezityiswa ukutya okuthengiweyo izilwanyana. Oku ke kwenza okokuba zibenexesha zikhule uboya besikhumba bobudala obugcweleyo phambi kokuba zixhelwe.
Isikhumba somvundla osele emdala sinikeza udidi oluphezulu lwezikhumba, lilonke ixabiso liba phezulu xa zithengiswa okanye zisetyenzaswa ukuvelisa udidi oluphezulu lemveliso okanye lothengiswa.

Ezona Zilungileyo i-Dual Purpose Breeds

i-Silver Fox

©Judy Stuart
i-Silver fox luhlobo osele lusaziwa apha eMzantsi Afrika, kwaye zinesikhumba esihle esimnyama, kunye nenwele ezinde ezimbala usilver namhlophe apha emacaleni. Zikhulisa kakuhle kwaye zingomama abakwaziyo kakhulu ukunakekela abantwana bazo. Kodwa ke, ukuba ne nwele ezimnyama kuthetha okokuba zingaze zihlale elangeni njengoko oku kutshintsha umbala ube mdaka othile ophatshileyo ntoleyo yonakalisa ifele okanye isikhumba.

i-Beige

©Judy Stuart
The Beige is a dual purpose breed with a very dense coat
i-Beige luhlobo ekulula kakhulu ukuli khathalelela, nomphezulu/fele ezinobunzulu elityibilikayo xa ulibamba. Zi beige ngombala no Mbala oblue ngaphezulu.

i-Rex

©Judy Stuart
i-Rex zibanemibala eyahlukileyo kwaye zezona zivelisa esona sikhumba sibukekayo kuzo zonke iintlobo zemivundla. Ziye zifune ugcino oklukhethekileyo ngenxa ye sikhumba sazo esisulungekileyo. Ziyathanda ke ukubane nyawo ezibuhlungu, yiyo lonto kufuneka zibenendawo ezilungileyo zokulala nendlwana ecocekileyo maxa onke.
Eyonanto izahlulayo kweminye imivundla buboya bazo. Yonke imivundla inentlobo ezimbini zenwele ezenza uboya bazo. Kuzo zonke iintlobo zemivundla umphezulu zinwele ezimileyo, umphantsi ke ubemfutshane utyibilike esandleni, ubengaphantsi koboya obungaphezulu. Kwi Rex uboya obungaphantsi bukhulu kubunga phezulu kwaye uboya buya bukeka kwaye esandleni buvakala okwe velvet yexabiso eliphezulu.
Kulungile ke ukubanolwazi oluphangaleleyo lokunakekela imivundla phambi kokuba ubani afuye lomhlobo uyi Rex, njengoko kunzinyana ukuwukhathalela.

i-Satin

©Judy Stuart
Imivundla eyi Satin, ifumaneka ngemibala ngemibala kodwa isikhumba siya menyezela kakhulu. Oku kwenziwa yindlela ezakhiwe ngayo inwele zalomvundla, zohlukile kwezinye iintlobo. Inwele zime buku nxantathu kwaye ibonisa ukukhanya ngendlela eyohlukileyo. Kulula ke uyinakekela kwaye iSatin zibangomama abalungileyo.

i-Angora

©Judy Stuart
i-Angora ziyi mivundla ekhethekileyo. Azikhuliselwa ukuxhelelwa inyama kodwa, ukuvelisa iwulu. Azixhelwa ke xa kuzakuthathwa iwulu, ziye zichetywe oku kwegusha kane (4) ngonyaka. Le wulu iyakwazi ukuxhwithwa okanye itsalwe ngobunono emvundleni xa sele inkulu kakhulu. Lomhlobo uyi Angora ke ufumaneka kwimibala ngemibala kodwa uyasebenzisa ngokuba zifuna ukukhathalelwa zikanywe rhoqo ukuze iwulu ingabikho ncangathi. Kufuneka ke iAngora zigcinwe kwindlu eyenziwe ngo cingo kwaye ibe phezulu komhlaba. Kulula ke ukuzikhulisa. Ezindala okanye ezingasa velisi wulu zinga xhelwa zenza inyama encomekayo.
i-Wulu ye Angora ikulungele ukujijwa yenze iwulu yokuthunga, esetyenziswa ukunitha, thunga okanye ukuthungela iinwele.
Kulungile ke ukuba nomatshini owaziwa ngokuba si spinning wheel, nokufunda ukuwusebenzisa, xa ubani ethe wasifunda esisakhono angenza imali eninzi njengomenzi wemisebenzi yezandla okanye umfama.

Translated by Zikhona Plaatjie