Imbali yoMhobe weSizwe Sase Mzantsi Afrika

Ngomhla wama 20 Apreli 1994, uMongameli we lizwe (ngeloxesha), uFW De Klerk, wabhengeza ukuba uMzantsi Afrika uzakuba nemihobe yesizwe emibini. Ebizwa nge Nkosi Sikelel’ Afrika kunye ne Die Stem van Suid-Afrika (umemelelo loMzantsi Afrika). 

©Eric Miller

Oku kwakuyinxalenye yomgaqo siseko osacetywayo wangomnyaka ka 1993,Section 248 (1) kunye ne Section 2. Ngokubhalwe ku Section 4 woMgaqo Siseko omtsha woMzantsi Afrika, nowatyikitywa ngokusemthethweni kwindawo yase Sharpeville ngomhle we 10 Desemba 1996, ingoma eyenziwe yabamfutshane ka Nkosi Sikelel’ iAfrica kunye no Die Stem van Suid Afrika zizo ngoku ezingumhobe wesizwe soMzantsi Afrika. Njengoko kubhaliwe kwi Government Gazette No. 18341, yomhla we 10 Okthobha1997.

iDie Stem van Suid Afrika

iDie Stem van Suid-Afrika (umemelelo loMzantsi Afrika) yabhalwa ngu CJ Langenhoven ngo Meyi ka 1918, njengo mbongo. Umfundisi uML de Villiers, wayenza yabayingoma ngomnyaka ka 1921. Kwakusithi rhoqo xa kuvalwa usasazo, isikhululo sikamabonakude sosasazo iSouth African Broadcasting Corporation (SABC) idlale iingoma uGod save the King kunye no Die Stem.

Ukuqalwa kokuculwa kwe Die Stem esidlangalalenu kukuphakanyiswa ngokusesikweni kwe flegi yesizwe ngomhla wama 31 Meyi 1928, eKapa. Kodwa ke, kwakungomnyaka ka 1957 nge 2 ka Meyi, apho urhulumente wabhengeza iDie Stem njengo mhobe wesizwe osesikweni.

Lo ikwangumnyaka abafumana imvume yokusebenzisa le ngoma. Ngomnyaka ka 1959, umhobe wesizwe osesikweni wangqinisiswa si Act of Parliament. Indawo yesiNgesi kumhobe wesizwe, iCall of South Africa, yabangumhobe ngomnyaka ka 1952, ngethuba isamkelwa ukuba isetyenziswe ngokuse sikweni.

Nkosi Sikelel' iAfrika

uEnoch Sontonga, ititshala yase mishini ye Methodist, wabhala isitanaza sokuqala sika Nkosi Sikelel' iAfrika njenge culo lesiXhosa ngomnyaka ka 1897. Ekuhambeni kwethuba ezinye izitanza ezisixhenxe zesiXhosa zongezelelwa yimbongi uSamuel Mqhayi. Indawo yolwimi lweSesotho ku Nkosi Sikelel' iAfrika, neyapapasha ngomnyaka ka 1942, yabhalwa ngu Moses Mphahlele.

uNkosi Sikelel' iAfrika yabaliculo elidumileyo, emva kokuculwa kwii konsathi ezise Jo Johannesburg ezikhokelwe yi kwayara ka Mfundisi JL, iDube's Ohlange Zulu Choir. Ekihambeni kwe thuba yaba ngumhobe oculwa kwiintlanganiso ze politiki, njengesenzo sokubonisa inkani ngeminyaka yezocalulo/ apartheid.

Isitanza sokuqala siculwa ngolwimi lwesi Xhosa okanye olwesi Zulu, kulandele indawo eculwa nge Sesotho. Kodwa ke, uNkosi Sikelel' iAfrika akanadlela ibekiweyo emakaculwe ngayo kwaye noguqulelo lwalo mhobe luyashiyana ngokwendawo okanye ngokomcimbi lowo uculwa kuwo.

Amagama Asesikweni

Anga ngamagama asesikweni omhobe wesizwe, emva kokudibanisa u Nkosi Sikelel' iAfrika kunye neDie Stem/The Call of South Africa, kunye nenguqulelo ngesiXhosa ifakwe kwizibiyeli: 

isiXhosa kunye ne siZulu
Nkosi Sikelel' iAfrika
Maluphakanyisw' uphondo lwayo,
Yizwa imithandazo yethu,
Nkosi sikelela, thina lusapho lwayo
Sesotho
Morena boloka setjhaba sa heso,
(Thixo khusela isizwe sethu)
O fedise dintwa le matshwenyeho,
(Uphelise zonke iimfazwe neentsokolo)
O se boloke, O se boloke setjhaba sa heso,
(Sikhusele, ukhusele isizwe sethu)
Setjhaba sa South Afrika - South Afrika.
(Isizwe sethu- uMzantsi Afrika - Mzantsi Afrika)
Afrikaans
Uit die blou van onse hemel,
(Kuhlokoma kumazulu ethu aluhlaza esibhakabhaka)
Uit die diepte van ons see,
(Ukusuka kwiinzulu yama lwandle ethu)
Oor ons ewige gebergtes,
(Phezu kweentaba zethu zanaphakade)
Waar die kranse antwoord gee,
(nalapho kuhlokoma khona izandi)
English
Sounds the call to come together,
(Kuhlokoma ikhwelo lokuba sibe ndawo nye)
And united we shall stand,
(Kwaye siyakuma simanyene)
Let us live and strive for freedom,
(Masiphile sisebenzele inkululeko
In South Africa our land.
(eMzantsi Afrika umhlaba wethu)

Indlela Yokuhlonipha uMhobe weSizwe

©Eric Miller
uMhobe weSizwe kufuneka uculwe ngentlonipho efanelekileyo. Wonke ubani kufuneka ame ngenyawo izandla zakhe zime tswi emacaleni ngethuba ecula uMhobe weSizwe. Abantu abangengo majoni kufuneka bakhulule iminqwazi njengendlela ebonisa intlonipho.Translated by Zizipho Silwana