Iindawo Zokuhlala ezise Mapungubwe National Park

Iinkampu Ezine Zokuphumla

©Jacques Marais

Le yindawo yokujuxuza yase Mapungubwe. Le ndawo yokuhlala intle! Zonke ezi nkampu zokuphumla zisandula kwakhiwa, kwaye iziphumo ziyabukeka. Akukho rontabile banengca apha. Inkampu nganye yenziwe ngendlela yayo eyahlukileyo. Kwaye abokhi/iiarchitect zizamile ukuqinisekisa ukuba izixhobo zokwakha ziyahambelana nendawo engqongileyo.

Eneneni oku kuhambelana kwezakhiwo kunye nendalo ekulendawo, yeminye yeyona mizekelo iyimpumelelo ye eco-architecture ndakhe ndayibona. Ngaphakathi kwezi zakhiwo, yonke into yakhiwe ngocoselelo. Kwaye inkampu nganye ikhangeleka ngendlela yayo ekhethekileyo. Umntu uyaziphekela ke kwezindawo zokuhlala. Kwaye ipaki ayinazi restyu okanye zivenkile okwangoku.

iLeokwe Camp

©Roger de la Harpe

Le yeyona nkampu inkulu kulendawo, kwaye ikufutshane nendawo ekudibana kuyo i View Site kunye ne Treetop Hide. Imi emazantsi wentili enamatye ohlobo lwe sandstone ebukekayo. Inamatye abomvu ebolileyo narhangqe inkampu yonke. Indlela eyakhiwe ngayo isekelwe kwindlela iilali zohlanga lwamaVenda ezakha ngayo.

Kwaye amadonga asisangqa ezi zindlu arhabaxa, nabutyhelirha ngombala ayahambelana nendawo engqongileyo. Le ndawo ine puli encinci yokudada, esikwe ematyeni, indawana yokoja inyama kunye nendawo yokugcakamela ilanga. Sekwakhiwe ivenkile encinci, kodwa yayingekavulwa ngethuba ndiphaya. Ndivile ukuba ithengisa ubuvilikitshana obuyimfuneko, obufana namalahle, iilekese, iziselo ezibandayo. Kodwa ke ungalindeli izinto ezininzi onokuthi ukhethe kuzo.

Inkampu yeeNtente ekwi Hlathi lase Limpopo

Imi esizikithini kwehlathi elishinyeneyo nelinomlambo, kwicala elisentshona lale reserve. Lenkampu ikufutshane ne Maloutswa bird hide. Nangona ungenako ukuwubona umlambo, lenkampu yeentente ilikhaya lamakhulu-khulu eentaka kunye nezinye izilo ezi hlala emithini.

Ngethuba ndandiphaya, iinkawu zaziphambene ruu, zitsiba tsiba emithini. Ndandinayo indawana eyoyikayo. Nangona kunjalo, lendawo izolile kwaye ikwenza uqaphele izinto ezininzi-Ikulungele ukubukela iintaka.

iVhembe Wilderness Camp

©David Fleminger

Ndicinga ukuba le yeyona nkampu ndiyithanda kakhulu. Imi kwi hlathi elikwicala elisempuma lale ndawo. Kwaye ikude kunayo yonke enye into. Kukho iicabins ezine, ezakhiwe kumda womsele ojonge ivalley ethe thanthalala nezele yimithi. Akukho mbane kwaye lenkampu isebenzisa amandla elanga (solar power) ukukhanyisa.

Icabin nganye inebhedi ezimbini ezilingene umntu omnye, indlu yangasese, ishower kunye ne deck evulekileyo ebonisa lendawo intle kangaka. Izinto ezifakelwe ngaphakathi azibaxekanga kodwa zintle. Kukho igumbi lokuphekela ekwabelwana ngalo, indawo yokutyela kunye ne lapa ekwabelwana ngayo zizo zone ezi cabin. Kukho nepuli encinane, esithwe ngamatye entla kwele nkampu.

iTshugulu Lodge

©Roger de la Harpe

Le na ke yeyabo bafuna indawo ekumgangatho ophezulu. iTshugulu yi guest lodge ethande ukuba nomtsalane. Ifakelwe izinto zexabiso kwaye inemiqamelo emikhulu entsofo-ntsofo. Le lodle imi kwicala elisentshona lale park. Ithe khatsha kwigolokongxo eliphakathi kweqela kwamatye amakhulu amade.

Lamatye abomvu anomtsalane athi ndijonge. iTshugulu ineyona puli yokudada inkulu kule paki. Le lodge inika abatyeleli ithuba lokulala zava kwi suites ezihonjiswe ngamatye, kwaye namagumbi okuhlambela makhulu. Zonke ezi zindlu zine air-condition kunye neminatha yokuthintela iingcongconi. Kukho amagumbi amane, kwaye le lodge ingonela abantu abali 12. Igumbi lokuphekela elinayo yonke into, kunye nezikhenkcezisi/ifriji eyenzelwe phakathi kwamatye.

Iindawo Zokuhlala Zase Mapungubwe Oziphekela Kuzo

Kufuneka uziphekele kuze zonke ezinkampu zise Mapungubwe. iMapungubwe National Park inayo ivenkile apho unokuthenga khona intwanana eziyimfuneko, kodwa kungcono uze uzilungiselele, kwenzele ukuba uphelelwe ngamaqanda, ungade kucace ukuba uzakuqhuba iikhilomitha ezingama 70 usiya eAlldays okanye eMussina ukuze uyokuthenga amanye.

Kubatyeleli abaze emini, babe bengazukulala, ikhona irestyu apho ungazifumanela izidlo zakusasa eziluncuthu mazangwa nezidlo nje ezilula. Kwaye zikhona neendawo zepikiniki apho ungamisa khona woje inyama. Unga renta izitendi ezihamba ngerhasi, kwakulendawo yepikiniki. Kodwa ke awunakuthenga iinkuni.

iReception ekwiheke yokungena inesikhenkcezisi esinamanzi, ijusi eyenziwe ngeziqhamo, kunye neziselo ezibandayo. Zonke iindawo zokuhlala, zilungiselelwe ukuba abatyelei bakwazi ukuziphekela. Igumbi ngalinye linegumbi lokuphekela elinazo zonke izinto ezidingekayo: imicrowave, itoaster, ifriji, isitovu, i-oveni njalo njalo. Kukwakho namacephe, izitya, iimbiza kunye namapani.

Ungaziphethela nje ukutya, iziselo kunye neenkuni. Amanzi aphuma empompeni akulungele ukuselwa, kodwa anencasana emtyuba. Ukuba unesisu esithambileyo, mhlawumbi kungangcono uziphathele amanzi eminerali athengwayo okanye ibhiya ukuba uyafuna.

Translated by Zizipho Silwana