iiGwava

© Louise Brodie

Igwava sisiqhamo esiveliswa kwiingingqi ezifushushu nezifudumeleyo kwihlabathi lonke. iPsidium guajava ngumthi omncinane osuka kusapho lwe Myrtaceae (Myrtle). Lo mthi unamagqabi aluhlaza ocacileyo, amade. Imvelaphi yesi sityalo ise Mbindi Melika. Ngokuhamba kwexesha iigwava zaye zasasazwa kwihlabathi lonke. Namhlanje imveliso ye gwava sisityalo ibaluleke kakhulu eMzantsi Mpuma Asia nase Mbindi Melika. Iigwava ziveliswa ze zithengiswe zinjalo. Zisekwatshintshwa ke kwenziwe ngazo izinto ezahlukeneyo. Kwimimandla emininzi efudumeleyo, iigwava ziyachuma kakhulu.

Translated by Zizipho Silwana

Imveliso yeGwava

Iigwava zityiwa zikrwada. Zingasikwa zibe ziikota okanye zityiwe okwe apile. Esi siqhamo sidityaniswe kwii saladi okanye sityiwe neswekile n...more

Iindidi ze Guava eMzantsi Afrika

Iguava ngumthi okanye ityholo, neliye lithi chuu ukukhua. Imithi elinyiweyo ivamise ukuthenwa ize ibenobude ubuzi 2 ukuya kwi 3 m. Ukuba uth...more