iCoat of Arms yePhondo loMntla Koloni

Sa ǁa ǃaĩsi 'uĩsi - “Siphila Ubomi Obumnandi” yimotto ye Phondo lase Mntla Koloni, eguqulelwe kulwimi lwesizwe sama San. Le motto ibhalwe kwisisekelo se Coat of Arms ye Phondo loMntla Koloni, neyabekwa ngokusesikweni ngomhla wama 25 August 1997. 

Esi sisekelo sinemibala eyahlukeneyo entsundu kwaye ibonakala oku kwe 3D- amacala onke ke ukutsho. Le mibala intsundu imele amathafa omileyo nanamatye ase Mntla Koloni. Isikhaka sihleli phezu kwesi sisekelo, kunye nedayimani elapha kanye phezu kweli khaka.

Le dayimani izotywe unxweme lwase Mntla Kolomi nalapho iidayimani ezininzi zifunyanwa khona. Kwakulo mzobo we dayimani, kukho umthi obizwa ngomnga. Kumacala omabini kwikona eziphezulu kweli khaka kukho iintyatyambo zohlobo lwe daisy ezinemibala ebomvu natyheli. Lo mfanekiso we dayimani umele ubutyebi beeminerali kunye nobezo shishino kweli phondo.

Ezi ntyatyambo zityheli zimele ilanga kunye nenkcubeko yezendalo kule ndawo, ingakumbi umboniso obanjwa minyaka le kulo mmandla, weentyatyambo ezizikhulela endle ngethuba lase ntwasahlobo emva kweemvula zobusika Phezu kweli khaka kukho isacholo esisisangqa nesineentsimbi ezihlohliweyo zohlanga lwama San. Esi sikhaka sixhaswe yinkukhama ngasekhohli kunye ne neqhude (inkunzi) ngasekunene.

I-Emblem yeNtyatyambo - Namaqua Daisy (Dimorphotheca sinuata)

©Shem Compion

Umandlalo wombala o-orenji uthi tshitshilili emathafeni, nabekade engumhlaba owomileyo, oxwebileyo ngaphambi kokuba kunethe iimvula zobusika. Ezi ntyatyambo zitsala abakhenkethi abasuka kumazwe ahlukeneyo ehlabathini, beze kubona lommangaliso umhle wendalo. Lombono uyindumasi ke ubakhona rhoqo ngonyaka kweli lase Mntla Koloni.

Lombono ubizwa nge Namaqualand wildflower show. Intyatyambo zohlobo lwe Namaqua daisy ichuma kakhulu endle, emva kwemvula zobusika. Ikhula kuma Phondo ase Mntla nase Ntshona Koloni ase Mzantsi Afrika.

Ezin tyatyambo zibufana ne daisy zinkulu kwaye zibomvu esiphakathini, nangona sisenokuba tyheli maxa wambi. Kufuphi ne ncam yentyatyambo kukho isangqa esiluhlazana. Le ntyatyambo idubula ibeyimibala egqamileyo eyahlukeneyo, kuquka u-orenji okrakra, utyeli, mhlophe ongacacanga kunye no orenji ongacacanga.

Zidinga ilanga elipheleleyo ukuze zivuleke kwaye zilandela ilanga, zikekelele ngase mpuma ukuya entshona. Oku kubalulekile uba ukwazi ukuba uceba ukuthatha imifanekiso yezi ntyatyambo. Ungayi ukuyobuka ezi ntyatyambo ukuba kusibekele okanye kwasekuseni kakhulu, kuba ezi ntyatyambo zizakube zisavalekile.

i-Emblem yeSilwanyana – iNkukhakhama (Oryx gazelle)

©Nigel Dennis

Inkukhama iyakwazi ukuphila phantsi kweemo ezinamaqondo aqatseleyo zasentlango. Zingaphila nangaphandle kwamanzi ngokuthi zisebenzise ithermoregulation- nese ngqondweni yazo, ukuze icuthe iimfuno zamanzi adingwa ngumzimba igcine nobuchopho bupholile. Inkukhama izenzele into ebizwa ngokuba yi carotid rete, nelunxulamaniso esisekweni sobuchopho.

Igazi elishushu eliya engqondweni lihamba ngemithambo ye carotid liqala lidlule kwiiqela lee capillaries nge network ye sinus, nalapho lipholiswa khona ligazi elipholileyo elisuka engqondweni. Enye indlela yokupholisa umzimba nengqondo kukugcina umchamo, ifunxe ubumanzi kangangoko kubulongwe bayo, oku kwenza ukuba ikhuphe iingqathe ezome nko.

Inkukhamba zitya ingca amagqabi kunye neziqhamo. Zonke izidingo zazo zamanzi zikholiswa kukutya ezikutyayo. Kodwa ke, ukuba amanzi akhona ziyawasela. Iinkukhama zivamise ukuhlala ngemihlambi eneemazi kunye neenkunzi ezingenabango lamihlaba, ziyahamba-hamba zikhangela amadlelo aluhlaza. Iinkunzi ezilawulayo zigada iindawo yazo ukuze zikhwele iimazi ezihamba nemihlambi edlulayo.

Iinkunzi ezingahoyanga kubanga mihlaba,ezidlula kwimihlaba yezinye iinkunzi, ziye zizithobele ezinkunzi zilawulayo ukuze kungabikho milo nachuku. Iinkukhama zaziwo ngokuzidyarha iingonyama kwaye zingade zizibulale ngokuthi zisebenzise amaphondo azo omeleleyo.

Translated by Zizipho Silwana