Grey Plover
Unokrekre

Igama

Unokrekre

Igama lesi Latin

Pluvialis squatarola

Usapho

Charadriidae

Ubude

30 cm

Intlalo

Lentaka ihlala yodwa okanye zininzi kwisanti eselwandle, enyeleni engafane ibenabantu, maxa wambi nasemhlabeni okude nolwandle.

Ufuduko

Ezintaka zifudukela kwingingqi ekukho uhlobo kuzo ukusuka elwandle ziye kwimilambo enetywa, kwindawo ezinodaka nasemanzini amileyo. Zinyukele kunxweme olufudumeleyo lwasentshono, zizohlala khonakude kuphele ubusika.

Isikhalo sentaka

Isikhalo sazo simyoli yaye sikhalela kude ‘tlui-tlui’

Ukuzala

Unokrekre akazaleli kumzantsi-ntshona we Koloni.

Inkangeleko yentaka endala

Ubukhulu bayo,ibunzi eliphezulu,umlomo ofutshane nemilenze emide yiyo eyohlukanisa kwezinye intaka zamanzi. Ehlotyeni elicala lingaphantshi ukuqala esilevini ukuya ezantsi kwesisu zibamnyama thsu, zijikelezwe ngumbala omhlophe ombhaxa; umqolo ubamnyama kakhulu ukuze imigca emhlophe igqame kakhulu. Amachokoza amhlophe aqala avele esifubeni nasesiswini.

Isibalo

Lundwendwe oluxhaphake ehlotyeni, ize inqabe ngamanye amaxesha onyaka.

Apho afumaneka khona

Ufumaneka kulo lonke unxweme lomzantsi-ntsona we Koloni.