Eland

© Nigel Dennis

Igama

Eland [Taurotragus oryx]

Inkangeleko

Iimazi zikhula zibe 1,7 m ubude ne 900kg ubunzima. Ngaphandle kwesisindo somzimba esi silo siyadlokova sitsibe neengcingo. Zinesfombo emqolo phaakathi kwamagxa. Iimpondo ziphuma kuzo zonke iimazi kunye neenkunzi zibe kubheka ngemva nje kancinci zibude bu 1 m. IImazi zincinane zibunzima obu 450kg, ze iinkunzi zibe noboya obumnyamana apha ebunzi ubugquma amadlal. Ibala lithanda ukuba mdaka kodwa nje kancinci zibanayo nemigca embalwa emhlophe efana yodwa.

Ukutya

Ziyathanda ukhangela izityalo ezahlukeneyo. Ziyakwazi uphila ixesha elide zingaseli manzi, kodwa zixhomekeka kwiziqhamo ezithile ufumana amanzi nje onela uba ziphile.

Ukuziphatha

Ezinye izimilo ezibalaseleyo ngomhlambi we Eland ziye zibe nomhlambi nje wamatakane azo.Xa zi ngqongwa ngamarhamncwa, ziyakwazi ukuba zikhokelise ezona zinkulu iinkunzi ngaphambili loxa ezikhulelweyo kunye namatakane zikhuseleke emva kwazo. Aziye zihlale endaweni enye ithuba elide, zihamba zihlala ntoke eyanza zingakwazi ukwakha imida iinkunzi ezi.

Zifumaneka Phi

I Elandifumaneka kwizikhululo zogcina izilwanyana apha eMzantsi Afrika. Bezikhe zanqaba, kodwa ziphinde zandiswa ngenkulu yona impumelelo.

Amarhamncwa

Amarhamncwa azingelayo yingwe, ngonyama, ezincinane zona zifunyanwa nazingwenkala, nezinja zase ndle.