Zikhuliswa njani I-Cowpeas

© Carl Davies CSIRO
Cowpeas experiment in a glasshouse at The Commonwealth Scientific and Industrial Research Organisation (CSIRO) research centre.
iCowpeas zesase Afrika kwaye zingalinywa kwiintlobo ngentlobo zomhlaba, zide zivelise izivuno kumhlaba ongatyebanga, kodwa ukufaka umgquba ne manyore iveki ezintathu ukuya kweyesine phambi kokutyla kunganceda ekukhuliseni. Ukongeza iphosphorus (P) emhlabeni kunganceda imbewu.
Ukufaka iphosphate fertilizer (F) kuyanceda. iCowpea ingakhula kumlinganiselo we pH ongu 5,6 ukuya ku 6.5 kwaye ikhetha umhlaba onesani kodwa iyasokola kumhlaba onzima bubumanzi. Ukubuyisela initrogen emhlabeni (ebizwa ngokuba yi nitrogen fixation) ibonakaliswa ngemotyi, kwaye kubanzima kwindawo ezidame amanzi.
iCowpeas sisivuno sasehlotyeni esikhula ngcono kubushushu obungekho ngamandla kodwa olungekho ngaphantsi ko 10 degrees celcius. Amaqondo obushushu ozenza zikhule ku 30 degrees celcius. Iyanyamezela kwimbalela kune groundnuts, imbotyi ze soy, ne sunflowers. Kwindawo ezipholileyo, icowpeas zifuna ukutyalwa Phakathi ku November, kwindawo ezishushu zingatyalwa Phakathi ku December.
Musa ukutyala icowpeas xakuqala ukunetha imvula (ekuqaleni ku October) okanye ekupheleni ku January kuba oku kungenza isivuno sibesincinci nokumoshwa likhephu.
Izinambuzane ezithile ziyazula kakhulu ekupheleni kwexesha loku khula. Usuku lokutyala icowpeas luchaza ukusetyenziswa kwesivuno. Umzekelo, ukuba izakusetyenziswa njengeokutya kwenkomo, ingatyalwa ngo October. Tyala imbewu ngo 4cm ukuya ezantsi (ubude bebhokisi yematshisi) no 10cm (ubude besandla) ukohlukana musa ukuwudibanisa umhlaba emveni kokutyala, kodwa wubhambathe ukuqinisekisa ukudibana komhlaba nembewu.
Iinkumbi ezifana ne aphids ne bollyworm zingabayingxaki kodwa kubalulekile ukungatyali icowpeas zilandelelana emhlabeni omnye kuba azidibani ne nematodes. Okona kubalulekileyo kwizifo kwi cowpeas yi stem rot. Kwimveliso yengqolowa khetha isilimo esifana ne Rhino okanye Glenda. Kwingca sebenzisa iChappy okanye Bechauna White.

Ukuvuna I-Cowpeas

iCowpeas zivunelwa ingqolowa xa i90% yamaqokobhe sele omile. Isityalo sonke siyancothulwa-oko kungenziwa xa amaqokobhe eqala ukutshintsha umbala.
Xa icowpeas zisetyenziwa njengemifuno, amagqabi ahlaza namaqobokobhe amancinci zingacholwa ngesandla. Ingca ye cowpeas ingagcinwa ibotshelelwe okanye ngamasinda engca.
Imatshini ezisetyenziswa kwimveliso zentengiso zingasetyenziswa ukubhula icowpeas, kodwa amaqokobhe angafakwa ebegini nawo, anyathelwe okanye aibhulwe ngekhuni ukohlula amaqokobhe kwimbewu.

Intengiso ye Cowpeas

iCowpeas zingathengiselwa abathengisi bengqolowa abasebenza beliqembu, abathengisi bembewu, amafama, okanye kwindawo ezithengisa ukutya kwezilwanyane ezisakuyisebenzisela ukutyisa izilwanyane.

Translated by Zikhona Plaatjie