Yintoni iPropolis?

© Chris Daly
I-Propolis, ekwaziwa nge ‘bee putty’ okanye ‘bee glue’, ngumgubo oncangathi ombala uluhlaza-mdaka othi wenziwe ziinyosi ngentlaka yomthi ethi iqokelelwe kumagqabi angaphezulu nakwincindi yemithi. Iinyosi zenza ipropolis (maxa wambi ibizwa ngokuba yi ‘bee putty’) ngokuthi kuxutywe lontlaka iqokeleliweyo kunye ne beeswax, ubusi kunye nokucoleka okusuka eziswini zazo.
I-Propolis ikwizinga lesithathu ngokubaluleka kwimveliso zeenyosi kwaye ikumyinge wama (50%) wentlaka, amafutha wekhandlela (wax) angama (30%), ii-oli ezibalulekileyo (10%), ipollen (5%) kunye nezinye ezingaxutywanga (5%). Inezinongo ezibalulekileyo, ezifana nezakhamzimba uvitamin B1, B2, B6, C, kunye no E kunye neeminerali ezifana ne magnesium (Mg), calcium (Ca), potassium (K), sodium (Na), copper (Cu), zinc (Zn), manganese (Mn), kunye ne iron (Fe).
Ezinye zazo ezingapha kwama 300 ziye zafumaneka kwi propolis, uninzi lwazo luze ngohlobo lwe polyphenols (antioxidants). I-Antioxidants zincedisa ukulwa nezifo kwaye zikhusela umzimba ungasuleleki lula zizigulo neentsholongwane.

Isetyenziselwa ntoni iPropolis?

I-Propolis isetyenziswa ngokuqaba umphakathi wekhakha okanye ihlathi lenyosi, iinyosi zigcina ikhakha lazo likhuselekile kusuleleko lwentsholongwane kunye noku ngunda. I-Propolis lilonke, icoca kwaye ilwa nentsholongwane kwi khakha okanye kwihlathi lenyosi kwaye yenye ye antimicrobial ezinamandla zendalo.
Iinyosi zobusi zikwasebenzisa ipropolis ukuqinisa impilo (immune systems) kwaye ziyisebenzisa ukubeka kakuhle amajoni phambi kokuba inkosazana yenyosi ibeke amaqanda wayo. Iinyosi ziyayisebenzisa ipropolis njengezixhobo zokwakha ukuvimba okanye ukwenza mxinwa emyango kwihlathi leenyosi, yenze kubelula ukukhusela.
I-Propolis iyasetyenziswa ukukhusela iinkumbi ezifileyo, lilonke ikhusele okokuba kungabikho usuleleko kwihlathi lenyosi. Ngokufanayo, ipropolis yayisetyeniswa ngama Yiphutha kudala ukukhusela nokugcina oomama.
iPropolis isetyenziswa ngabantu ngenxa yoncedo lwayo ukulwa neentsholongwane (antibacterial) kunye nokulwa nokudumba okunentlungu (anti-inflamatory) kunye nokomeleza impilo yomntu (immune system). Ingaqatywa njenge sigcobisi somzimba kubantu anengxaki yesikhumba i-eczema kunye ne psoriasis, okanye isetyenziswe kwi sepha neemveliso zokuthambisa. Iyakwazi nokutyiwa ngobusi obutyetyiswe nge propolis ithathwe njenge pilisi okanye iyeza. I-Propolis iyathengiswa kwivenkile zamayeza, iivenkile zokutya okuse mpilweni okanye ngabagcini nyosi.

Imveliso ye Propolis eMzantsi Afrika

Okwangoku, iPropolis iveliswa kwaye ithengiswa eMzantsi Afrika kodwa ngomyinge omncinci. uMike Allsopp, intoko engumphandi kwi Honeybee Research Section ye Agricultural Research Council (ARC) eStellenbosch uyacacisa: ‘zininzi iinzame ezenziweyo ukuthengisa imveliso yepropolis eMzantsi Afrika – kweziwe izifundo zesidanga ze MSc apho uphando lwazo (thesis) lwalujongise ekuphandeni oku – kodwa ke uMzantsi Afrika awukaze ukwazi ukuvelisa uninzi lwemveliso elifunekayo ukuthengisela abathengi bamazwe ngamazwe. I-Propolis yase Mzantsi Afrika ikumgangatho ophezulu kakhulu kwaye iyafunwa kakhulu, kodwa ke abathengisi bamazwe ngamazwe badinga ipropolis eninzi kunale abagcini nyosi beli abakwaziyo ukuyivelisa. Kuko konke oku, le yintengiso engalandelelwa kweli lo Mzantsi Afrika’.
Umgcini nyosi angakwazi ukuvelisa ikilogram enye ngonyaka, kodwa oko kuza ngexabiso kwinyosi zakhe. Yonke imveliso ye propolis inexabiso ngokwemveliso yobusi. Imveliso ye propolis akuseyiyo inzuzo eyongezelekileyo, ibasendaweni yemveliso yobusi – iinyosi zisebenzela ukuvelisa ipropolis azivelisi ubusi.
I-Propolis yeli lo Mzantsi Afrika ayitshiswanga, kodwa esuka kwamanye amazwe ipropolis (esetyenziswa kwizigcobi mzimba nemixube) yona iye itshiswe.

Isivungo Ngokwamayeza

Uyacelwa uqaphele: Iinkcukacha zezokufundisa kunye nokunikeza ulwazi kuphela kwaye akufanelanga kubonwe njenge ngcebiso yezempilo. Iinkcukacha azenzelwanga ukuthatha indawo yengcebiso zempilo ezisemthethweni okanye unyango olunikezwa ngabasebenzi bempilo abase mthethweni.

Translated by Zikhona Plaatjie