Yintoni iDune Spinach?

© Gaynor Schoeman
iDune spinach (Tetragonia decumbens okanye ‘kinkelbos’ ngolwimi lwesibhulu) sisityalo esifutshane (0.1 - 0.3 m ubude) esifumaneka kwiingingqi eziselunxwemeni ezifana nakwii nduli zesanti ezikufutshane nolwandle. Esi sityalo sifumaneka kumazantsi elizwe lase Namibia ngase lunxwemeni ukuya eNtshona Koloni.
Amasebe anwenwayo angabangaphaya kwe 1m ubude. Amagqabi ayo aluhlaza ocacileyo atyiwayo agqunywe zii cells ezikwaziyo ukugcina amanzi. Nto leyo yenza lamagqabi amenyezelayo elangeni. Le ntyantyambo ityheli idubula ngeenyanga zika Agasti ukuya kuka Novemba, kwaye ivelisa isiqhamo esinamacala amane ngexesha lasehlotyeni-Igama layo elithi
‘tetragonia’ libhekisele kwisiqhamo sayo esinamacala amane.
iDune spinach inceda ukuzinzisa umhlaba kwiinduli zesanti, kwaye inikisa indawo yokuhlala yenzinye izityalo ukuze zikwazi ukukhula kakuhle. Ngaphezulu, amagqabi kunye neziqu ziyatyiwa. Esi sityalo kungcono sivunwe ebusika. Qinisekisa ukuba ukha amagqabi kuphela kwaye ungagrwangxuli isityalo sonke. Yihlambisise ukuze ususe isanti uze uyitye ikrwada kwiisaladi. Xa ibilisiwe, iyaphulukana nencasa yayo ekrakrayo yetyiwa. Ungayitya nebhotolo kwi pasta (abanye abapheki bagalela ne sorrel), kwisaladi yeetapile okanye kwiimifuno eqhotsiweyo.

Ukukhulisa iDune Spinach

iDune spinach sisityalo esikhula msinyane, esingadingi nokukhathalelwa kangako. Singakhuliswa ngokuphinda kutyalwe amasuntswane eziqu ezineengcambu.
Esi sityalo somelele kwaye siyachuma kwimihlaba enesanti-silungele kanye ukutyalwa kwiindawo ezinesanti ziyincede nasekubeni ingakhukuliseki. Ayidingi kunkcenkceshelwa kangako, kodwa kufuneka iingcambi zigcinwe zimanzi xa isandula kutyalwa kwakhona.
Esi sityalo sidubula iintyatyambo ekuqaleni kwehlobo ze sithwale isiqhamo ehlotyeni. iDune spinach asihlaselwa zizifo nazizonakalisi.

Translated by Zizipho Silwana