Yintoi Isimo seZulu?

©Adam Peterson
Isimo sezulu sendawo ekulinywa kuyo siso esibonakalisa ukulunga kwesivuno kuba isivuno ngasinye sinezidingo zesimo sezulu esikhethekileyo. Ezinye izinto ezibalulekileyo ezinokwenza nesimo sezulu ziquka ubushushu, izindlu zobushushu, izindlu ezipholileyo, ubude bemini, ukufuma okuthile, ikhephu, isichotho nomoya.

Isimo seZulu ne Mvula eMzantsi Afrika

Isimo sezulu eMzantsi Afrika sishushu, komile, imvula eqhelekileyo ngonyaka ingapha kwama 65% kwindawo yayo engaphantsi kwama 500 mm. lemvula ke ibonakala njen gowona mlinganiselo usezantsi kwizivuno ezithi zondleke yimvula. Zikhona ke izivuno ezifuna amazinga wemvula angaphezulu kwale, ezifana nezityalo ze ti (tea) zona ke zidinga ngapha kwama 1 000 mm ngonyaka.
Indalo yokunetha kwemvula ngamaxesha athile eMzantsi Afrika, kuye kwenze isidingo sokuba kukcenkeshelwe nakwindawo zokulima ezine mvula ezininzi ngonyaka. Iziqhamo zithi ziwelwe ngamagqabi eCeres kwela Ntshona Koloni ngumzekelo. Izivuno ziyankcenkceshelwa ngexesha lasehlotyeni lomileyo kuba lendawo ifumana imvula ephezulu ngonyaka ebusika.
Kuba eMzantsi Afrika kushushu, komile ubuncinane bokuphulukana namanzi ngonyaka ngoku phuma komphunga womoya uphezulu kwaye wandisa isidingo samanzi okunkcenkceshela.

Yintoni iMacro-climate?

I-Macro climate ithetha ngesimo sezulu kumaphondo okanye isizwe siphela. Iindawo ezinkulu ezinesimo sezulu esifanayo ziyaqokelelwa kunye ze zibonakaliswe kwi mephu. Zingacalulwa ke ngokwe ngqokelelo yazo ngokwezimo zezulu ezifana ne ‘Köppen climate zones’. Ucalulo lwesimo sezulu se Köppen sohlula isimo sezulu kwintlobo ezinkulu ezintlanu, zibonakaliswa ngonobumba abakhulu aba A, B, C, D, E. umzekelo u-A umele itropial ze u-E amele polar.

Yintoni iMeso-climate?

I-Meso climate sisimo sezulu sendawo. Zininzi iintlobo zesimo sezulu sendawo ezifumaneka kwindawo zazo ze micro climate zone. Iimpawu zesimo sezulu ze meso climate kunye nobume bendawo ziye zixhomekeke kubume bomhlaba ngaphezulu. Ubume bomhlaba ngaphezuu buquka imimandla, iintaba nemilambo.
I-Meso climate ngase Magaliesberg, ukubaleka ngase mpuma-ntshona ukusuka ePitoli ukudlula eRustenberg zi ngumzekelo omhle. Iindawo eziphakathi ezonyukayo kwicala lase mantla wentaba ashushu kunalawo asesiphakathini ngakwi cala elisemazantsi. Zikhona ke intlobo ezimbini zesimo sezulu imeso climate. Iintaba ezonyukayo ngase mantla zijongene necala eliza ilanga kunye nengqokelela yemitha yelanga eyogquma ndawo leyo imxinwa, yiyo lonto inikeza ubushushu ngokwe ndawo.
Imimandla eyonyuka yase mantla eMagaliesberg ayinalo ikhephu kwaye zinobushushu unyaka wonke obulungele izityalo ze citrus kunye izivuno ezi ‘subtropical eziphantsi konkcenkceshelo. Indawo ezisemazantsi, zinesimo sezulu esohlukileyo kunezo zisesiphakathini. Kulendawo, kuyabanda ebusika kwaye ikhephu lenza lendawo ingakulungeli kwisivuno sendawo eyaziwa nge ‘subtropical’.

Yintoni iMicro-climate?

Umahluko kwi micro-climate ngesiqhelo kuba zimpawu zendalo ezinendawo ezincinci. Ukunkcenkceshela kusetyenziselwa ukwenza ngcono imicro-climate: indawo enkcenkesheliweyo kwindawo ephantse yayi ntlango okanye kwindawo ezisentlango kuyohluka kakhulu kwisimo sezulu sendawo engqungileyo engankcenkceshelwayo, ingakumbi kwindawo zamahlathi.

Translated by Zikhona Plaatjie