Weeping Boer Bean
Uxamo

© Roger de la Harpe

Igama

Uxamo [Schotia brachypetala]

Amanye amagama

Huilboerboon, Tree Fuchsia, and African Walnut

Isaziso

The beauty of the flowers is in the brightly coloured calyces (sepals), stamens and pedicels (flower stalks).
Ubuhle balentyatyambo ukumbala wayo ogqamileyo omabalabala ukuyokufika ehlangeni lwentyatyambo. Iintyatyambo zikhupha umpe omninzi, ophuphumayo aphinde achithele intyatyambo lonto ikwayinzusa yegama eliqhelekileyo yalomthi, “ibhulu elikhalel’imbotyi” ngesiBhulu.

Inkcazelo

Uxamo lunomkhitha, luphakathi bukhulu ngesiqu, inamasebe agcwala indawo yonke kunye nomqhele ongqukuva. Inesiqu esinye esinamasebe afikela ezantsi ngamanye amaxesha. Imithi inobude obufikelela pha kwimitha eziyi 22 kodwa iqhele ukukhula imitha eziyi 10-15. Umqhele urhabaxa ngombala untsundu abe ngwevu buntsundu. Amagqabi ambaxa, kwaye anemagqatyana ayi 4-6 wamaqabane.
Amahlamvu abomvu abe nombala wekhopha xa esematsha, ajika agqame luhlaza aphinde abe mbala omenyezelayo oluhlaza. Kwindawo etshisayo ezineqabaka lomthi usoloko eluhlaza yoko kodwa endaweni ezibandayo, amagqabi ayavuthuluka, okwexeshana elincinci ukusuka kwinyanga yoKwindla neNtwasahlobo.

Iintyatyambo

Iintyatyambo zinombala onzulu obumvu, kwaye ziphuma zizinizi, kwindawo ezikhasa ezinamasebe entloko aphuma kwiinkuni ukusuka pha eNtwasahlobo (kweyeThupha ukuya kweyeNkanga). Ixesha leentyatyambo aliqhelekanga kangangokuba lomthi xa udubula kungenzeka kwimitha ezimbalwa kude kungabonakali impawu lesityatyambo. Okungaqheleki kubalukekile kwintaka ezitya umpe, lonto yenza kubekhona ukutya okwexeshana elide.

Isiqhamo

Isiqhamo sayo siqinile, simbaca, ngombala simnyama buntsundu, imbewu yayo ingange dayamitha ezingange milimitha eziyi 20. Imbewu iyohlukana emthini, ikhula pha ekupheleni kwehlobo ukuya eKwindla (eyoMdumba ukuya noCanzibe).

Intsebenziso

Lomthi ubiza iintlobo ezininzi zeentaka, izilwanyana kunye nezinambuzane kwaye iyingxolo yomzi xa iseyintyatyambo. Iintaka ezitya umpe, ingakumbi iintaka zelanga, iinyosi kunye nezinambuzane zitya umpe walomthi. Iintaka ezitya izinambuzane zitsalwa ziintyatyambo zalo mthi. Iinkawu kunye neemfene zitya iintyatyambo, ezinye iinkawu zitya imbewu, iintaka zitya imbewu kwaye amagqabi wona azingelwa sisilwanyana, umkhombe omnyama wona utya umqhele. Lomthi awudumanga ngokwenza izivatho kuphela inezinto ezininzi esetyenziselwa yona. Umxube womqhele uyathathwa ukunyanga ukutsha kwentliziyo nebhabhalaza.
Umqhele uxutywa neengcambu ukuqinisa umzimba nokucoca igazi, ngamanye amaxesha usetyenziswa ekuncedeni izifo zentliziyo kunye nesisu, nasebusweni iyanceda. Imbewu iyatyeka nakasele yosiwe, nangona ingatyebanga ngamafutha, inefutha eliphezulu ngokumlinganiselo.
Abantu anantsundu nabamhlophe ababengemafama mandulo phaya kuthiwa benethanda ukosa imbewu zalomthi, lonto ide yafunndwa nanga bantu ababizwa i-Khoikhoi. Umqhele usetyenziselwa ukudaya, ukhupha umbala obomvu buntsundu okanye umbala obumvu. Ugodo lunceda ekwenzeni ifenishala yoqobo. Kuthiwa ilungele zonke iintlobo zenqwelo futhi yayiyiyo ibifunwa kudala kuhlobo lwenqwelo ezazikhona.

Indawo yokuhlala

Uxamo luvela kwiindawo ezomileyo zasehlathini, okanye kwisihlahla sehlathi ngasemilanjeni okanye apho kufumaneka khona iziduli ezidala zogodo.

Lufumaneka phi

Kwingingqi yase-Mthatha eMpuma Koloni naKwaZulu-Natal, Swaziland, Mpumalanga, kwiPhondo Mntla kunye Mozambique ukuya Zimbabwe.

Igama lesiLatin

Schotia brachypetala.
Eligama ngesiGreek lithetha ukuba ‘linentyatyambo ezimfutshane’ kodwa lithetha ngentyatyambo ebalulekileyo eluhlobo lwezityalo ezibizwa i-Schotia.