Uxinzelelo lwe Ngqele kwii Hagu

©Glenneis Kriel
Piglets have little fat to protect them against the cold.
Ngenxa yemozulu efudumeleyo yelizwe lase Mzantsi Afrika, uxinzelelo lwengqele ayongxaki kangako kwii hagu esele zikhulile, xa kuthelekiswa namazwe abandayo.
Nangona kunjalo, iingqele zobusika, ingakumbi ezasebusika zingabanda ngeyona ndlela kwindawo ezithile zeli lizwe.
Ngoko ke amafama akwezi ngingqi kufuneka aqiniseke ngokukhusela iihagu, ngokuthi agcine iihagu endawenu enophahla ngalamaxesha.
Amantshontsho eehagu ahlaseleka lula luxinzelelo lwengqele, kuba wona anamanqathe ambalwa emzimbeni kunee hagu ezindala, ingakumbi kwiyure zokuqala ezingama shumi amane anethoba emva kokuba ezelwe.
Azinako ukukhula kakuhle kwaye maninzi namathuba okuba lamantshontsho afe ukuba awagcinwa efudumele.

Iimpawu Zoxinzelelo

©Glenneis Kriel
Pigs that are cold may huddle together to warm themselves.
Ngokufanayo nakwii hagu ezindala, ukungagcini iihagu zifudumele kuye kubangele ukuba Amandla eziwafumana ekutyeni aphetha esetyenziswa ekwenzeni ubushushu bomzimba endaweni yokukhulisa. Wazi njani ukuba iihagu zakho ziphantsi koxinzelelo lwengqele?
Ngokwe Animal Agriculture ekwi Dyunivesithi yase Washington State, iihagu eziphantsi kolu xinzelelo ziyacukana endaweni enye okanye zilale ziqothe iinyawo phantsi kwazo ngelinge lokuzifudumeza.
Zisenako nokuqhaqhazela yingqele. Ukuba oluxinzelelo lwengqele luyaqhubeka lubengaphaya kwentsukwana nje ezimbalwa, iihagu ziyanqina, zikhule kade kwaye zibenoboya obude obomeleleyo. Zisenokuhlaselwa nalu tyatyazo.

Ukhuselo

©Glenneis Kriel
Spot heating can be used to warm piglets.
Ukuqinisekisa amaqondo obushushu afanelekileyo ngethuba iihagu zisandula kuzala kunzima. Kuba amantshontsho kunye neemazi zikhula kakuhle kumaqondo obushushu ohlukeneyo. Iimazi zivamise ukufudumala kumaqondo ali 16 ukuya kuma 25 degrees celsius, logama amantshontsho efudumala kumalondo afikelela kuma 32 degrees celsius. Iimazi ezitsha kakhulu zizakuqala ukutya kancinci zize zehlise nobisi oluncinci, nto leyo izakuchaphazela ukukhula kwamantshontsho. Amantshontsho kwelawo icala, adinga ukugcinwa efudumele ukuze akhule kakuhle.
Kwizakhiwo zamaxesha angoku, ubushushu begumbi buzakulungelelaniswa nemfuno zemazi, logama ubushushu obengezelweyo kwelinye icala buzakwenzelwa ukugcina amantshontsho eegagu efudumele. Ukuze oku kwenzeke kakuhle, kubalulekile ukuthatha ubushushu begumbi obukumgangatho oneehagu ezindala, kunye nobushushu obungekude kuyaphi kunendawo ekugcinwa kuyo amantshontsho eehagu.

©Glenneis Kriel
The use of different flooring material can help strike a balance between the needs of the sow and the piglets.
Umandlalo waphantsi nawo licebo elihle ukusombulula lengxaki, kuba iimazi zithanda ukungqengqa phantsi kwindawo epholileyo kunendawo egcina amantshontsho. Lomandlalo usenokwenziwa ngamaplanga ukuya kwi konkrethi, inkcenkce, igilasi, intsimbi kunye ne aluminiyamu.
Ukusebenzisa umandlalo ofana nengca eyomileyo okanye umgubo wamaplanga ukondlala kwindawo elala amantshontsho eehagu kunganceda ekunyuseni amaqondo obushushu uphinde ugcine amantshontsho entofontofo. Kodwa ke umandlalo kufuneka utshintshwe rhoqo okanye kumane kusongezwa omnye umandlalo ngaphezulu ukuze iihagu zihlale zomile kwaye zicocekile. Iindawo ezihlala iihagu kufuneka zisitheke, ukusukela kuphahla kunye namadonga ukuze kungangeni moya.
Amanye amafama asebenzisa iikhethini zeplastiki ukuvala iifestile xa kubanda okanye kwimozulu ebandayo.

Translated by Zizipho Silwana