Unikezelo Nesidingo Senyama Yebhokhwe eMzantsi Afrika

© Gerrit dos Santos

Unikezelo lwenyama yebhokhwe kweli ngenjongo yokwenza imisebenzi yesintu yeyona ihamba phambili (egqiba) imveliso yeebhokhwe eziphilayo zithengiswa kakhulu kwintengiso zabucala, eMpuma Koloni na KwaZulu Natal, yeyona ke iqhuba intengiso yebhokhwe. Iintengiso zabucala zibhatala kakhulu kunenyama yegusha kwaye nendawo ezixhela ibhokhwe zingabhatala (umzekelelo R1 200 vs R700 ngesilwanyana esilinganayo/ ngeminyaka – Nov 2018) ngebhokhwe (eziphilayo), iibhokhwe zesintu kunye ne Angora (ezifumaneka ngamaxesha athile).

Ukufumaneka Kwenyama Yebhokhwe Kwintengiso

Uphando yi South African Meat Industry Company (SAMIC) libonakalise okokuba iibhokhwe ezixhelwe kwintengiso zi Boer kunye nee Angora ezenza 0.55% yebhokhwe ezixhelelwa intengiso. Kodwa ke, abanye abathengisi ababukelayo bathi inani le bhokhwe ezixhelwayo zingu 5%.
Ukususela ngonyaka ka 2018, yonke imizimba yebhokhwe ezixheliweyo kwindawo zentengiso kufuneka ziphawulwe ngombala o-orenji okanye oblue. Umbala oblue usetyenziswa ukuphawula amathole kuphela,logama umbala orenji usetyenziswa ukuphawula imizimba yebhokhwe zonke, nokuba zingakanani ngeminyaka. iBoer Goat Breeders Association ivakalisa okokuba oluphawu lutsha lizakunceda ukuphuhlisa intengiso nokuthengwa kwenyama yebhokhwe eMzantsi.
Ngonyaka ka 2018 kwaziswe eluntwini iprojecti yokuvavanya intengiso kunye nokuthengwa kwenyama ye Angora kwiqela levenkile zentengiso kwiphondo le Mpuma Koloni. Kwafumaniseka okokuba iprojecti ayukulunga ngenxa yokungabikho kwebhokhe ze Angora ezilungele ukuxhelwa ngeloxesha enyakeni. Ukufumaneka ngamaxesha athile kwenza lingahlali likhona oluhlobo lwebhokhwe. Ukongeza koko, kubonakele okokuba abathengi basakhetha inyama yegusha esencinci ekumaxabiso aphezulu (+R10 – R20/kg) yetakane legusha okanye eyegusha kunenyama yebhokhwe.
Kodwa ke abanye abavelisi bafake ingxelo (November 2018) yokokuba abahloli benyama abahlali bekwazi ukohlula umzimba wenyama yebhokhwe.
Umfuyi we Boer Goat wase Ntshona Koloni uPip Nieuwoudt uthetha okokuba kukhona ukukhula kwisidingo sentengo yenyama yebhokhwe ngenxa yezakha mzimba ezifumaneka kuyo, kodwa ngenxa yamaxabiso amahle ebhokhwe ifumaneka kwintengiso zabucala, ingaphantsi kwemfuneko inyama esiwa kwivenkile zokutyela kunye neevenkile jikelele.

Ukuphuhlisa Intengiso Yenyama Yebhokhwe

Ukuphuhlisa ngakumbi kokufuya iibhokhwe njengo luntu lwendawo kuyadingeka kwaye iRed Meat Producer’s Organisation (RPO), amaqumrhu akhulisayo kunye namasebe ka Rhulumente we Zolimo ngawona anamandla okunceda kwimeko enje. Le ke yabayingxelo ye ‘Meat Goat Working Group’ eyayinosihlalo ongu Dr. Pieter Prinsloo.

Ezinye ke iinkalo ezifuna ukuvelelwa ekufuyeni iibhokhwe yintengiso elungileyo yenyama yebhokhwe, imfundiso yabathengi kunye nophando no phuhliso. Inkoliso yabavelisi bakholelwa okokuba oyena mceli mngeni omkhulu, kwaye ngokwe nene obalulekileyo ekuphuhliseni intengiso yenyama yebhokhwe, yimithetho ka rhulumente ephuculiweyo.

Iqela Elichongiweyo Eliphanda Ngenyama Yebhokhwe

Ngonyaka ka 2016, iRed Meat Research and Development SA (RMRD-SA) yaseka iqela elizakusebenza ngophando ukusebenza kwi nkqubo yemveliso yenyama yebhokhwe. Eliqela laquka amaqumrhu avelisa inyama yebhokhwe, amasebe ka rhulumente wephondo lezolimo, i- SA Mohair Cluster, Informal Goat Industry Cluster, Agricultural Research Council (ARC) kunye ne South African Meat Industry (SAMIC).

Kumhlangano owawubanjwe ngenyanga ka June kunyaka ka 2018, eliqela lichongiweyo phantsi kokukhokhelwa ngu Dr. Pieter Prinsloo laveza iingcebiso, eziquka upapasho ntengiso lwenyama yebhokhwe, nokwenziwa kophando olunzulu, kunye nokufundisa abathengi. Eliqela lichongiweyo lavakalisa okokuba intengiso zabucala zezona zizisa imali kwintengiso yenyama yebhokhwe, kodwa ke kusele okokuba kuphandwe ezona ndawo zilungele intengiso.

Translated by Zikhona Plaatjie