UMandela Nonyulo luka 1994 Ngokubaliswa ngu Raymond Louw

© Eric Miller

Ukwabelana Ngombono Omnye

Wonke ubani uyathetha ngonyulo lonyaka ka1994 olwatshintsha uMzantsi Afrika kwilizwe elinobuhlanga, neli lawulwa ngegqudu. Watshintsha ke waba lilizwe elingenabuhlang, ilizwe eline nkululeko, yaba ngummangaliso lo. Iintsuku phambi konyulo amalungu amajoni eNeo-Nazi AWB, iAfrikaner Weerstandsbeweging (Afrikaner Resistance Movement) bafaka iziqhushumbisi ezadlakaza zenzakalisa abantu.

Esi ke yayisisenzo sokuzama ukunqanda uvoto obabe lubona njengokuphela kobomi babo obumnandi okanye ukutshabalaliswa kwabo njengabantu. uMandela norhulumente abazange bavume ukoyikiswa, unyulo lwaqhubeka. Kodwa ke esisenzo sokubulala senza abantu abaninzi baphulukane nemiphefumlo, notshabalaliso lwezindlu. uNyulo lwenzeka phantsi komoya omhle wentsebenziswano phakathi kweentlanga zonke.

Ayikho ke into enje eyayikhe yabonwa ngaphambili eMzantsi Afrika. Yayingathi abantu abamhlophe nabamnyama bayaqala ukuzibona njengabantu abanombono omnye. Ubudlelwane bobu khoboka nobu Khosi oba bamba zombini ezintlanga ekubophelelekeni iinkulungwane, kakubonaka kunyamalele oku ngathi zange kwabakhona.

Kwiminyaka Engama Shumi Amathathu (30) Engaphambili

Ngaphandle kwezihamba phambili lamini yonyulo, uMongameli uMandela ngeyi nge ngomntu ukuba wayengazange avumele ingcinga zakhe zibuyele kula mvulo wango April ngonyaka ka 1994 – Phantse iminyaka engamashsumi amathathu (30) ngaphambili – Apho wama khona edokisini eyozimela kwizithyolo zokungcatsha kwityala elaye laziwa njenge Rivonia Trial.

Elo ke yabalixesha apho wafunda khona, kwinkundla egcweleyo wafunda akubhalileyo iyure ezine (4) eyazi okokuba ukungcatsha yayisesona sono sibi, kwaye oko wayekuthetha kwakunomfaka intambo entanyeni yena nabo wayesebenza nabo. Wagqibezela wathi “Ndilwe neziphathamandla ezimhlophe, ndalwa nobuphatha mandla obumnyama. Ndiyivuyele inkululeko nendawo zokuhlala ezikhululekileyo , apho wonke ubani aphila khona ngomoya omhle namathuba alinganayo. Oku ke ndizimisele ukuphila ndibone kusenzeka, kodwa Nkosi yam ukuba kuyenzeka ndizimisela nokufa ngenxa yoku.”

Translated by Zikhona Plaatjie

Amaphawu Esizwe Kunye Namaxesha

Abemi boMzantsi Afrika baye babandakanyeka kwiingxoxo zoluntu ukuze bagqibezele ukwenziwa kwamaphawu amatsha esizwe....more