Ulawulo lweSityalo se Basil

© Louise Brodie

Ukutshintshwa Kwesityalo

Tyala nokuba sesiphi isityalo esikusapho olwahlukiley, uzame ukusitshintsha tshintsha naso rhoq oemva kweminyaka emibini.

Isivuno - iitoni nge hekthare nganye

Esiqhelekileyo
Entsha: 10 iitoni
Eyomileyo: 1 iitoni
i-Oli: 8 ukuya kwi 10 litha
Esiphakathi
Entsha: 15 iitoni
Eyomileyo: 2 iitoni
i-Oli: 10 ukuya kwi 15 litha
Esihle
Entsha: 25 itoni+
Eyomileyo: 5 toni
i-Oli: 20 litha+

Ukuvunwa

Kuxhomekeka kubukhulu bentsimi, isityalo se basil singavunwa ngesandla okanye ngemitshini yokuvuna. Kungavunwa kabini nakathathu kwintsimi enye. Xa kuvunwa ibasil esentsa kubalulekile ukuvuna ekuseni kusapholile ukuthintela ukubuna. Kwaye namagqabi asiwe kwindawo epholileyo kanye emva kokuvunwa. Ibasil esentsha iba ethe ethe kakhulu kwingqele emmandla, ngoko ke amaqondo obushushu kufuneka abengaphezulu kwe 7°C.
Ukuba uzakuyomisa, ungayivuna ibasil yakho, ngentsasa ezifudumeleyo kwaye uqinisekise ukuba amagqabi omile.
Ukuba uyivunela ukuvelisa i-oli, kufuneka ibe kanti sele iidubule iintyatyambo zokuqala. Kungcono uyivune emini, sele kufudumele, njengoko oku kuzakwandisa imveliso ye oli. Musa ukunkcenkceshela ibasil etyalelwe ukwenza i-oli kangange ntsuku ezintathu phambi kokuvuna.
Sika isiqu malunga ne 15cm ukuya kuma 20cm phezu komhlaba, ushiyelele amagqabi ambalwa, ukuze ikhawuleze iphinde ikhule.

Ukugcinwa

Ibasil esentsha ingagcinwa kumaqondo obushushu amalunga ne 8°C ukuya kuma 10°C kangange veki ubude. Ulumkele ungazonakalisi ngengqele ngokuhlisa amaqondo obushushu. Ungayiqaphela ukuba yonakaliswe yingqele, ngokuba amagqabi ajike abemnyama.
Ibasil eyomisiweyo ingagcinwa kwiinkonkxa ezivaliweyo, kwaye igcinwe kwindawo epholileyo neyomileyo. Yomiswa kakhulu ziinkampani ezomisayo nezipakishayo.
Ibasil yokwenza i-oli ifanele ukugcinwa kwiinkonkxa zegilasi okanye ze plastiki, kwindawo epholileyo emnyama. Ii-oli zitsalwa ngomophu ngendlela ebizwa nge steam distillation.

Izonakalisi

Aphids, ooQongqothwane, iLeafhoppers, Imibungu, iSlug, iiNyekevu, Thrips kunye ne iWhitefly.

Izifo

iDowney mildew, iFusarium, iPhytophthora, iPowdery mildew
Fumana ingcebiso ethe vetshe mayelana nemo yendawo okuyo kunye nendlela zokukhusela izityalo zakho kwi extension officer ekufutshane nawe okanye kwi consultant.

Translated by Zizipho Silwana