Ukuziswa Kweli Nokuthengiswa Kwenyama Yebhokhwe Kumazwe Angaphandle

© Gerrit dos Santos

Ukuziswa kweebhokhwe eziphilayo kweli lo Mzantsi Afrika kufanele kuhambelane neempepha mvume zokuthengisa imfuyo ephilayo kwamanye amazwe ezisuka kumazwe angqongileyo kunye nemithetho yococeko yalapha eMzantsi Afrika. kananjalo, ukuthengisela amanye amazwe iibhokhwe eziphilayo kufuneka kuhambelane nempepha mvume zokuzisa imfuyo kwelo lizwe ziphuma kulo.

Ukuzisa Iibhokhwe Eziphilayo Kweli lo Mzantsi Afrika

Ngokwa manani entengiso yangaphandle asuka kwi Meat Board of Namibia (Nammic) ngaphantsi nje kwe 140 000 yebhokhwe eziphilayo ziye zaziswa kweli lo Mzantsi Afrika zisuka eNamibia ngonyaka ka 2017 (xa kuthelekiswa ku 158 000 ngonyaka ka 2016 no 198 000 ngonyaka ka 2015).
Ukuyokuma ku September wonyaka ka 2018, kwahanjiswa iibhokhwe eziphilayo zisuka eBotswana zazokufika, kodwa ngenxa yemithetho ethile eyenziwa ukuthintela isifo sezilwanyana esaqhambukayo kwindawo ezininzi eBotswana, indawo ezithengwa kuyo izilwanyana kufuneka ikhethwe ngobu nono.
Iibhokhwe ziyathengwa nase Swaziland ziziswe kweli- kwathengwa ezingama 39 kunyaka ka 2018 (xa kuthelekiswa nama 510 ezilwanyana ngo 2016) ezisuka eLesotho – 4280 yezilwanyana ngo 2018. Lamanani phantse yayingxenye yezilwanyana ( 9 630) ezithengwe eLesotho ngonyaka ka 2016.

Ukuthengisela Amazwe Angaphandle Iibhokhwe Eziphilayo Ezisuka eMzantsi Afrika

Iibhokhwe eziphilayo zithengiselwa amazwe angaphandle zisuka kweli loMzansi Afrika zisiya kwiqela lamazwe ase Afrika kuquka iNamibia (34), Sudan (103), Senegal (38), kunye ne Swaziland (117). Amanye amazwe athe athenga iibhokhwe eziphilayo zalapha eMzantsi Afrika ngonyaka ka 2018 ziquka
iBangladesh (ibhokhwe ezilishumi elinesihlanu 15), Mauritius (1099) kunye ne Saudi Arabia (106).
Amanani wentengiso yangaphandle onyaka ka 2018 abalwe ukuyokuma kwinyanga ka September.
Ngaphandle kwezilwanyana eziphilayo, amaqanda, kunye nezokuvelisa amathole ezisuka kweli lo Mzantsi Afrika.

Ukuthenga Inyama Yebhokhwe Kwamanye Amazwe, eMzantsi Afrika

Ngokwe Sebe le Zolimo, Amahlathi nee Ntlanzi (DAFF) uMzantsi Afrika uye uthenge inyama esentsha, epholileyo okanye ekhenkcezisiweyo yebhokhwe. Inyama esandula ukuxhelwa, epholileyo okanye ekhenkcezisiweyo ze yanqunqwa kodwa isenamathambo kananjalo nengenawo amathambo. Phakathi konyaka ka 2007 ukuya ku 2016, uMzantsi Afrika wathenga kwamanye amazwe inyama engama 6 200 kg yenyama yebhokhwe ngonyaka eyathi yavelisa ama R83 139 ngonyaka. Ngonyaka ka 2017, kwathengwa I 1.8 tons yenyama yebhokhwe eNamibia. Ukuyo kuma ngo September ka 2018, ayikho inyama yebhokhwe eyathi yaziswa kweli isuka kumazwe angaphandle.

Ukuthengiswa Kwenyama Yebhokhwe Kumazwe Angaphandle Isuka eMzantsi Afrika

i-DAFF, kwinkcazelo yayo ethi ‘A Profile of the South African Goat Market Value Chain’ (2017) ichaza okokuba uMzantsi Afrika uthengisele amazwe angaphandle inyama yebhokhwe engama 43 tons exabisa izigidi R2.7 million ngonyaka ka 2016 (62/kg). oku kwanda ngo 115% (ubunzima) no 87% (imali yingeniso) ukususela ngo 2015 ukuyo kuma ngo 2016.
Nangona kwabakho unyuko ngokwamanani webhokhwe ezithengiselwe amazwe angaphandle ukususela ngo 2015 ukuya ku 2016, amanani enyama ethengiselwe amazwe angaphandle ehlile kunyaka ka 2018.
Amanani ka 2016 wama 43 tons enyama ethengiswe ngaphandle kweli lihlile layokuma kancinci ngapha ko 1.2 tons ukuyokuma ku September 2018. Oku kuquka inyama ebubunzima obungu 13 kg ethe yahanjiswa eUnited Arab Emirates.
Ukuthengisela iSwaziland inyama yebhokhwe kwehle ukusuka ngapha ko 35 000 kg ngo 2016 ukuya ku 7kg kunyaka ka 2018.
uJudith Weideman we Kalahari Kid Corporation (KCC) uchaza okokuba intengiso ye KCC iquka iMauritius, Hong Kong, Uganda, kunye ne Nigeria. ‘xa isibheno siphinde saphakanyiswa,i-KCC iyakuthi iqhubeke ukuthengisa inyama yebhokhwe eKuwait, Saudi Arabia, Oman, Dubai, Qatar, kunye ne Bahrain. ‘ akukho kuhlomla okusuka kwabaka kurhulemente abangamatsha ntliziyo wesebe : Le Zolimo, Amahlathi nee Ntlanzi, akuzange kubekho ngxelo ecacisa okokuba kutheni kukho isibheno okanye siyakuthi siphakanyiswe nini (December 2018).
i-KKC lisebe eliphantsi ko Rhulumente we Phondo lase Northern Cape kwaye yaziwa njenge ‘Special Purpose Vehicle’ (SPV), esetyenziswa ekuthengiseni inyama yebhokhwe kwiphondo lase Northern Cape.

Translated by Zikhona Plaatjie