Ukuzingela Njengendlela yo Lawulo Lwezi Lwanyana ezitya Imfuyo

©Roger de la Harpe
Ukudubula izilwanyana ezidla imfuyo kufuneka ibezinzame zokugqibela, xa kujongenwe nemeko yezilwanyana ezitya imfuyo ze kujongiswe kanye kwezo zilwanyana zenza umonakalo. Umthetho awuvumi ukubulala nokubamba izilwanyana ezithile ngaphandle kwempepha mvume ezifanelekileyo, yiyo lonto amafama kufuneka aqiniseke okokuba anempepha mvume ezifunekayo zokuzingela ezi zilwanyana, kwaye ke kufuneka basebenzise imipu esemthethweni.
Ukuze kufumaneke iziphumo ezilungileyo, umzingeli kufuneka akwazi ukudubula kwaye akwazi nokulandelela umkhondo kwaye abeyincutshe ngoko lawulo lwezilwanyana ezitya imfuyo. Abazingeli abangakwazi ukudubula bayakwenza ingxaki zande. Ukuzingela kufuneka kwenziwe ngoku khawuleza emveni kokuba kuthe kwatyiwa imfuyo sisilwanyana, ukuqinisekisa isilwanyana esitye imfuyo kujongiswa kuso.
I-Landmark Foundation kwi Predation on Livestock Farms, a Practical Farmer’s Manual for Non-lethal, Holistic Ecological Acceptance and Ethical Management, ilumkisa amafama ngokubhatala umzingeli oqeqeshiweyo ngokwesilwanyana ngasinye esitya imfuyo esithe sabulawa, kuba oku kukhuthaza abazingeli babulale izilwanyane ezininzi eziluhlobo olutya imfuyo, endaweni yokubulala ezo zenza umonakalo. Ukubulala izilwanyana ngezizathu ezingezizo kungaphazamisa izizukulwana zamaqela ezilwanyana zenze iingxaki ezixakileyo.

Ukuzingela Ebusuku

©Roger de la Harpe
Ngokubhalwe kwi Predation Management Manual, ukuzingela ebusuku kusebenza kakuhle kakhulu, kuba kujonganwa nezilwanyana ezithile kwaye ubani angakhawuleza ukuthabatha inyathelo xa kukho ingxaki. Kufuneka kwenziwe zonke iinzame okokuba kujongwane nezilwanyana ezenza umonakalo kuphela, kunga dutyulwa ibat-eared foxes, Ingci (aardwolves) kunye nengada (African wild cats). Izibane ezinendawo ezibomvu zezona zisebenza kakuhle xa kuzingelwa izilwanyane. Izibane ezimhlophe zenza izilwanyana ziqaphele kwaye zizimele.

Ukuzingela kwi Nqwelo-Moya

©Roger de la Harpe
Amafama kufuneka aqinisekise okokuba anempepha mvume ezifunekayo xa efuna ukuzingela ngeqwelo-moya, kuba imithetho ayifani kumaphondo jikelele. Logama ukuzingela nge nqwelo-moya kungasebenza kakhulu ingakumbi kwindawo ekungafikeleleki kakhulu kuzo nakwindawo ezinkulu, kodwa ke ixabiso loku liyabiza kakhulu.

Ukuzingela nge Zinja

Izinja kufuneka zisetyenziswe ukulandela umkhondo wezilwanyana ezitya imfuyo, akufunekanga zibulale okanye zidibane nezizilwanyana zitya imfuyo. Izinja kufuneka zibe ziqeqeshekile kwaye zilawulwe ukuqinisekisa okokuba azenzi umonakalo kwezinye izilwanyana logama zizingela izilwanyana ezitya imfuyo.
Incwadi iPredation Management Manual icebisa okokuba amafama agcine izinja zibotshelelwe de isilwanyana esizingelwayo sibonakale kuzo, zebakhulule inja ileqe esosilwanyana sizingelwayo. Izinja kufuneka zikhathalelwe kakuhle ukuze zingalandeli zileqe imfuyo kuba zilambile. Maxa wambi izinja zivalwa imilomo ukuqinisekisa azenzi monakalo.

Ukuzingela Ukhwele iHashe

©Shem Compion
Abazingeli bangafikelela kwindawo ezikude ekhangela izilwanyane bephalisa amahashe kunokuhamba ngenyawo, ingakumbi kwindawo ezine santi ze Kalahari. Bangasebenzisa nezinja ukuncedisa ukukhangela izilwanyane.

Translated by Zikhona Plaatjie