Ukutyalwa kwe Canteloupe

© Louise Brodie

Ukwandiswa

Ukwandiswa kwe cantaloupe kwenziwa ngokutyala imbewu.

Indlela Yokutyala

Kungatyalwa ngokuthi kuhlwayelwe imbewu emhlabeni okanye ngokukhuliswa kwezithole komandlalo bembewu okanye iitreyi zembewu ze kutyalwe izithole kwiindawo elungiselelwe imveliso.

Ukuqelelanisa

Izityalo ziqelelaniswa malunga nama 50 cm - 75 cm, kwimiqolo engama 100 cm - 200 cm ukuqelelana. Oku kuphakathi kwama 4000 kunye nama 6000 ezityalo ze cantaloupe kwihekthare nganye. Imiqolo yokuhamba izixhobo zokutyala kunye nee trekthare kufuneka zishiye ukuze kubelula ukuvuna nokutshiza.

Ixesha Lokuhlwayela

Ukuhlwayelwa ngqo kwembewu kuqala ekupheleni kwenyanga ka Agasti ukuya kwekaNovemba eMzantsi Afrika. Imbewu ingatyalwa kwiitreyi zezithole ze zityalwe kwindlu yokutyala (greenhouse) ekuqaleni kwenyanga ka Julayi ukulungiselela izithole ezizakutyalwa esiphakathini senyanga ka Agasti ukuba imozulu sele iqalisile ukufudumala ngeloxesha.

Ixesha Lokutyala

Njengokuba icantaloupe isisityalo esifuna imozulu efudumeleyo, ingaqala ukutyalwa ekuqaleni kwenyanga ka Septemba ukuya esiphakathini senyanga ka Disemba. Kwiingingqi ezifudumeleyo nalapho intlakohlaza ifudumeleyo kungaqalwa ukutywala esiphakathini senyanga ka Agasti.

Ixesha Lokukhula

Ixesha lokukhula ukusuka kwimbewu ukuba kwimveliso livamise ukuba phakathi kweeveki ezili 12 kwiingingqi ezifudumeleyo ukuya kwezili 15 kwiingingqi apho imozulu yentwasahlobo ithatha ixesha ukufudumala.

Ukuchumisa

Kungcono umhlaba uhlolisiswe ukuqinisekisa ukuba izinongo zomhlaba zonke zikho kwaye kuchunyiswa ngokufanelekileyo. Umkhomba ndlela wokuchumisa olungileyo umi ngoluhlo lulandelayo:
Umgquba, ilime kunye nemanyolo zihlakulwa nomhlaba ngethuba kulungiswa umhlaa kwiveki ezine ukuya kwezintandathu phambi kokutyala. Umlinganiselo wezichumiso phambi kokutyala uba phakathu kwama 750 kunye nama 1000 kg we 2:3:4 (27) womxube wezichumiso kwihekthare nganye usasazwa phezu kwemiqolo yezityalo ze uhlakulwe ngendlela ye disk harrow kuma 20 cm angaphezulu emhlabeni phambi kokutyala izithole. Malunga neeveki ezine ukuya kwezintandathu emva kokutyala phinda ugalele ama 300 kg ukuya kuma 500 kg we 2:3:4 (27) kwi hekthare nganye ukuqinisekisa ukukhula kakuhle nesiqhamo esilungileyo. Gada ukukhula nokuqingqeka kwesiqhamo, kwaye ukuba ubone kulungile ugalele kwakhona ama 350 kg ePotassium Nitrate kwi hekthare nganye ukuncedisana nokukhula kwesityalo nokuphuhla kwesiqhamo. Ukuba kweli inqanaba ukukhula kuchume ngokwaneleyo ungagalela Potassium Chloride endaweni ye Potassium Nitrate. Kweli nqanaba kubaluleke kakhulu ukuchumisa ukuze isiqhamo sibesemgangathweni. Khumbula ukunkcenkceshela rhoqo emva kokuba ugalele isichumiso.

Ukunkcenkceshela

Nkcenkceshela ngaphambi nasemva kokutyala imbewu okanye izithole. Xa utyala izithole oku kunceda uxinzelelo kwizithole eziselula. Qiniseka ukuba umhlaba wakho awubikho manzi kakhulu. Ukuba unakho faka izibali (meter) zobumanzi bomhlaba kungenjalo ungajonga umhlaba kulendawo inengcambu kabini ngeveki, usebenzisa umhlakulo okanye ifotsholo. Ungankcenkceshela malunga nama 25 mm kunye nama 35 mm ngeveki. Kuxhomekeka kwintlobo yomhlaba, ungankcenkceshela ka 2 okanye ka 3 ngeveki.

Translated by Zizipho Silwana