Ukusuka eRobben Island Uphindele eKapa

Indlela Eyenziwe Ngamaplanga

©Roger DelaHarpe
Abatyeleli bavumeleikile ukuba bangene esiseleni bathathe imifanekiso, kodwa imifanekiso ayinakuze ibonakalise ukuxinana kwesisele. Uzuqonde, kunzima ukucinga ukuba umntu angaphuma kwindawo emxinwa olahlobo enentliziyo evulekileyo. Yena (kunye namanye amabanjwa) bangumzekelo womoya ongatyhafiyo woMzantsi Afrika, kwaye sinethamsanqa ngaphezu kokuba sisazi ukuba baphuma entilongweni besenethemba. Kukwenza umdla ukuqaphela ukuba uninzi uninzi lwenkokheli zepolitiki zokuqala zaphuma entilongweni zangena epalamente, kunokuba ziqale epalamente ziye entilongweni mva. Emva kokuboniswa isisele ngokusesikweni, abatyeleli bayakhatshwa yi guide yabo ibaphindisele eharbour, nalapho baphinda bakhwele isikhitshane esiphindela eKapa.
Kwixesha elifutshae osenalo, usenokubuka ivenkile esecaleni kwamanzi, okanye ungakhawleza uhambe kwindela eyenziwe ngamaplanga, nenemibono emihle e penguins zidlala kumda wenxweme. Isikhitshane esiphindela eKapa asilibaleki sifana nendlela ephuma kwesi siqithi. Ikwalilo nexesha elilungileyo uuba uhlale phantsi uhlalutye konke okubonileyo. Abantu abohlukileyo babanezimvo ezohlukileyo ngexesha labo kwisiqithi se Robben Island. Bambi bangacinga nzulu ngabakubonileyo, bambi babenivuyo ukuba konke okwancanywa ngala mabanjwa kubenesiphelo esihle. Ze kuphinde kubekho nabo bazokuvela bazimomele ibhiya bacinge ukuba bazakusitya phi isidlo sabo sangokuhlwa.

Luhambo Oluchukumisa Umphefumlo

©Roger DelaHarpe
Kodwa, noba ithini na imbono yakho emva kokutyelela iRobben Island, le yindawo ekumele ukuba ityelelwa nguye wonke ummi wase Mzantsi Afrika, kunye nabemi behlabathi lonke liphela. Nokuba utsalwa yindumasi ka Mandela, zama ukuba uvule intliziyo yakho kuhambo lonke luphela. Luhambo oluchukumisa umphefumlo, kwaye abatyeleli abaninzi bahlaselwa zizifo zentliziyo logama bebuka esi siqithi.
Xa sele ubuyele eWaterfront, iindawo ezintle neziyolisayo ze Kapa ziyakubizela, kwaye nobuncwane boMzantsi Afrika okhululekileyo bulinde wena. Kodwa, phambi kokuba udanisele ekukhanyeni kwenkululeko, phosa iliso ngasemva. Nangona kuhenda ukuba ulibale ngembali yethu ebuhlungu ujongane nesiphelo esimnandi esisibhiyozelayo namhlanje, oku ingabayimbazamo enkulu kakhulu. Nje ngokukhumbula ibali elide lokungcikivwa lwase Robben Island sizakuqinisekisa ukuba izifundo, ezibhatalelwe ngegazi labangenatyala, zigqithiselwa kwisizukulwana ngesizukulwana esilandelayo. Kwaye masihlale sikhumbula amagama ambini abalulekileyo abhalwe kumfanekiso ome ekungeneni Dachau kunye nezinye iiNazi concentration camps: Plus Jamais - never again - Asoze kwakhona.

Translated by Zizipho Silwana