Ukukhathalela Izilwanyana Eziluhlobo Olutya Imfuyo yakho

©Shem Compion
Izilwanyana ezitya imfuyo zazibonwa nje “ngotshaba” ekufuneka kuzanywe ngandlela zonke ukulitshabalalisa, amafama kwezi ntsuku ayaqonda okokuba ngaphandle kokuzama ukugcina indalo, izilwanyana ezihlala emizini zingaceda ukuthintela ilahleko yemfuyo. Izifundo zophando zichaze ukubulala izilwanyana ngaphandle kwesizathu kunga neziphumo ezingentlanga, kwenze iintlobo “zengxaki” nemiphumela ebebe ngayilindelanga.
Endaweni yokugcina amanani ezilwanyana esezantsi ngendlela zolawulo ezithile, amafama kucetyiswa okokuba ajonge iindlela zokufuya ngoxolo nezilwanyana ezitya imfuyo bajongane nezo zenza ilahleko ephinda phindiweyo welahleko yemfuyo.

Ulawulo Lwendawo

©Roger de la Harpe
Isizathu esinye esixhasana nokunakekela izilwanyana zasekhaya ezitya imfuyo kukuba inkoliso yazo ziyakwazi ukulawula indawo. Ubukho bazo nje, kunceda izilwanyana ezitya imfuyo ezingezinye, zibekude kakhulu kuwe.
Ubungakanai bendawo buyashiyana ngokohlobo lwesilwanyana ukuya kwesinye, ixhomekeke nokoku fumaneka kokutya. Inkunzi yengwe emabala-bala ingane ndawo engapha ko 10 000 ha, nendawo yayo egqithela kweye mazi. Kuba ingwe emabala-bala ikhuphisana ne ngqawa ngokutya nokuleqa oodyakalashe, ukususwa kwazo endaweni kwenza kugcwale oodykalashe iblack-backed jackal kunye neengqawa.

Iinkokheli Ezilungileyo

©Shem Compion
Esinye isizathu sokunakekela izilwanyana zakho ezihlala phakathi kwekhaya, kukuba ukususwa kwesilwanyana esiphetheyo kunga shiya ithanda kwizizukulwana zeloqela. Elithanda linga ngcitywa, zezingabantwana, ezingenawo amava, okanye ezindala, ezinendawo ezincini kwaye zingamasela emfuyo, ngokwe Predators on Livestock Farms, a Practical Farmer’s Manual for Non-Lethal, Holistic Ecologically Acceptable and Ethical Management edityaniswe ngu Bool Smuts ngo 2008.
Ukususwa kwe African Wild Dog, umzekelo ayizukwenza ukwenyuka kwinani lodyakalashe kuphela kunye neengxaki ze ngqawa, kodwa ingenza ne African Wild Dogs ezisencinci zingafundi kwezindala ukungakwazi ukuzingela kakuhle ze zibuyele kwimfuyo ukufumana ukutya.
Ukuba nengqawa ehlala ikhona engelilo “isela” lemfuyo, kubonakale iyenye yendlela ezingcono ukugcina ingqawa nezinye izilwanyana ezitya imfuyo kude.

Iziphumo Ezinga Cwangciswanga

©Shem Compion
Ulawulo lwezilwanyana ezitya imfuyo olungaqinanga lungabayi ngxaki ngezinye iindlela. Uphando lufumanise okokuba ukutshutshiswa kwe black-backed jackal kuzakwenza kwande ubungakanani bamantshontsho kunye nokuchuma kwenzala. Endaweni yokulawula uluntu, utshutshiso lungenza okokuba kuqhumbe uluntu.

Ezona Zilwanyana Zingamaxhoba

Ukunyuka kokhuphiswano kokutya ngenxa yophuhliso lwezolimo, ukuphucuka kwedolophu kunye nembalela kunegalelo elibi kwimveliso zokutya elifumanekayo kwizilwanyana ezitya imfuyo kwaye iye ikhokhelele kwizilwanyana ukubazitye imfuyo njengokutya. Ukuthintela oku, amafama mawajonge iifama zawo ngokupheleleyo, aqiniseke amadlelo onele okanye umhlaba ukuxhasa izilwanyana ezise mngciphekweni nokugcina imfuyo esemngciphekweni kude kunezi zilwanyana ezitya imfuyo.

Translated by Zikhona Plaatjie