Ukuchongwa Kwentaka uKhozi

©Karl Svendsen
Aquila verreauxii
Intaka ukhozi nezinye iintaka zamaxhoba ziye zityholwe ngokunge kuko okokuba zibulala izilwanyana ezincinci, kuba ziye ziqhubeke zisitya isilwanyana esifileyo, azifani nengqawa okanye udyakalashe zona ziye zizifihle xa zisiva abantu besiza. Ukhozi,lona litya izilwanyana ezifileyo,. Ngexesha lokuzala kwemazi ye gusha, zingade ziyilinde igqibe ukuzala ukuze zitye intshontsho xasele lizelwe.
Verreau (Aquila verreauxii) okanye ukhozi olumnyama lufumaneka kwindawo ezinentaba nendawo ezinamatye kwi Afrika iphela. Ezintaka zibhabhela phezulu zimnyama zinenyawo ezityheli, isacholo esimhlophe esitsolo kunye nonobumba ‘V’ omhlophe ngemva nakwimpundu. Intaka ezindala zingama 78m ukuya kuma 90cm ubude nempiko ezingama 181 ukuya ku 219cm. Zakha iingqweji zazo ematyeni okanye kwindawo ezingase manzini kwaye uhlobo olunye lusebenzisa ingweji enye iminyaka.
Uhlobo lokhozi imartial eagle (Polemaetus Bellicosus) lolona hlobo lokhozi elikhulu e-Afrika, lifumaneka kakhulu emaphandleni nase mahlathini. Iingqweji zalo zenziwe ngeenkuni zakhiwe phantsi komthunzi wemithi emide.
Intaka ezindala zimdaka ngombala apha phezulu nomphezulu omfutshane omnyama. Ngaphantsi limhlophe namdaka namabala amnyama aphumela kumlenze onoboya. Intoko yomelele imnyama, logama inzwane zimbala ohlaza namdaka nomsila omde. Intaka ezindala zingama 78 ukuya ku 98 cm ubude nobukhulu bamaphiko obuphakathi ko 188 ukuya ku 260cm.
iRock dassies (hyrax) zinama 90% we Verreaux kukutya kokhozi, logama imivundla, irock dassies, leguaan nentaka ezityiwa njenge nyama ezingelweyo zikukutya kwe martial eagle.

uKubulala Nendlela Yokutya

©Nigel Dennis
Polemanetus bellicosus
Uhlobo lokhozi I Martial ne Verreaux aziyiyo ingozi kwimfuyo encinci. Xa umonakalo uthi wenzeke, uye wenziwe zezizindlavini ezingenalo ulwazi lokuzingela kwaye ezikhangela ukutya kwaye zixolele nantoni na.
Kwezomeko zinqabileyo apho kuthi kubekho ilahleko yemfuyo, ezo zilwanyana zezincinci ezibubunzima obungaphantsi ko 5kg. Amaxhoba ngesiqhelo ibazinkukhu okanye amathole egusha, abantwana bazo abasenentsuku bezelwe. Amafama enkomo awanasizathu soku xhalaba ngentaka ukhozi kuba ithole elisandula ukuzalwa likhulu nakolona khozi lukhulu.
Ukhozi libulala ngenzipho, ngokubetha entloko okanye nangaphezulu maxa wambi lifikelele entanyeni okanye apha ezantsi kwentamo ngemva kwisilwanyana esilixhoba. Imingxuma eqeleleneyo esikhumbeni okanye entloko zingqungwe ngamanxeba ngaphantsi kwesikhumba, ibazimpawu eziye ziveze okokuba akusilo khozi elibuleleyo.
Ukhumbule okokuba iimpawu zokutyisa azichazi okokuba isilwanyana sibulewe sisilwanyana esikudidi lwentaka. Xa zisitya, ukhozi luye lukhuphe uboya obuninzi. Ngesiqhelo zitya ngemva kwemilenze yangaphambil, lutye ukunyukela entloko. Ukhozi lutya imiphunga, intliziyo, nezinye indawo emzimbeni maxa wambi lutsale namathumbu ngalomgqobho luwenzileyo. Ngesacholo, luye lukhuphe inyama kumathambo njengesihle, kushiyeke amathambo esilwanyama esifileyo sodwa. Alukrazuli udonga lwesisu.

uLawulo

©Roger de la Harpe
Aauilla verreauxii
uKhozi nezinye iintaka ezitya ezinye, zintlobo ezikhuselekileyo, akuvumelekanga okokuba zibulawe nakweyiphi na imeko. Ukuba bukhona ubungqina bokuba ukhozi lubulele imfuyo ephilayo, amafama kufuneka anxibelelane nosemagunyeni okufuphi osebenza ngezendalo okanye onguchwephesha ancede ukususa elokhozi lingaziphethanga ngendlela.
Zombini intlobo zokhozi imartial ne Verreaux zithatha indawo enkulu, ubukho bazo bunceda ukugcina intlobo zokhozi ezingaziphethanga kakuhle kude nendawo. Lilonke kubalulekile ukunakekela ezintlobo zimbini.
Iindlela zasefama eziluqilima kufuneka zisetyenziswe ukuqinisekisa okokuba ukhozi aluhendeki lusuke kwintlobo zesiqhelo ezikukutya kulo zitye imfuyo encinci. Amafama angenza oku ngokuthi abenamaxesha abalekayo okuzala kwegusha ngonyaka ukuze kubelula ukunakekela amathole egusha.
Imihlambi emithiyo akufunekanga ibekufuphi nengqweji kodwa ibekufuphi ekhayeni okanye indawo ehlala okanye esebenzela abantu. Umelusi anganceda ukukhusela izilwanyana ezincinci xa kufuneke zitye emadlelweni akude. Iimazi azishiya amatakane azo kufuneka zibulawe. Iinkukhu zona zigcinwe kwindawo ezivalelekileyo.

Translated by Zikhona Plaatjie