Ukuchongwa kwe Chelesi

©Karl Svendsen
iHoney Badger ekwaziwa ngokuba yi (Millivora capensis) sisilwanyana esiqinileyo, inesikhumba esiqinileyo, yiyo ke lonto imoto yokuqala yamaJoni Omkhosi wesizwe yathatha igama layo kwigama lesibhulu, elithi, Ratel. Eligama ke zilifumana ngenxa yokuba zithanda ukugqogqa amafusi eenyosi, kwaye oku kwadala ingxwabangxwaba phakathi kwazo nabavelisi bobusi.
iHoney Badgers zizi zigqigqana ezinemilenze emifutshane. Inkoliso yazo zimyama, zinemibala esilivere- namdaka mhlophe kumantla, kuquka nombala ophezulu kwentloko. Zinomsila omfutshane ofukufuku oye ume ngqo xa ihamba. Ezindala zingakhula ukuya ku 90 cm ukuya kuma 100cm ubude kunye nobunzima obupakathi ko 8kg ukuya ku 14 kg. njenge qaqa, ziye zikhuphe incindi enukayo xa zinomvandedwa.
Iimazi neenkunzi ziye zidibane iintsuku ukuze zimithisane, kuba ke azinalo ixesha lokumithisana, kwaye amantshontsho azo azalwa nangeliphi na ixesha enyakeni.
Amantshontsho azalwa eze engaboni kumgxuma oye wenziwe zii mazi, emveni kokumitha iiveki ezisibhozo (8) ukuqikelela. Kuzalwa intshontsho elinye ngexesha, ze intshontsho lisuswe lisiwe kwindawo entsha rhoqo emveni kwentsuku ezimbalwa de lilungele ukuhamba nomama xa eyokuzingela xa inenyanga ezintathu. Amehlo wamantshontsho avuleka xa anenyanga ezimbini.

Indlela Yokubulala Nokuzityisa

©Karl Svendsen
iiHoney Badgers zizilwanyana ezithanda amathuba, zitya kwanto encinci kuzo esisilwanyana ukususela kwizinambuzane ukuya kwi Ngwe ezincinci. Zingabazingeli kodwa zingatya okanye ziba ukutya kwezinye izilwanyana nase migqomeni.
Ziye zixakeke kakhulu ebusuku ngexesha lasehlotyeni kunye nangexesha lase mini ngexesha lase busika xa kubanda. kwindawo ezingaphazamiseki kuzo ziye zixakeke ebusuku kunye nase mveni kwemini.
Ezo ke zizi ndlavini ziye zibulale ezinye kwimfuyo encinci, iinkukhu, iigusha kunye neebhokhwe zezona ziye zithande ukuzitya. Ngokwe Predation management Manual azifane zilibulale ixhoba phambi kokulitya, kodwa ziye zenze imingxuma kwixhoba ngokulitya, maxa wambi de ziphule amalungu ixhoba lisaphila.
Kuthathwa intwana yenyama yomzimba, ngesiqhelo inyama yase busweni, efana nempumlo, izidlele, imisipha, kunye nolwimi. Ixhoba liye liqhaqhwe emazantsi, kushiyeke umgxuma omkhulu esifubeni.

uLawulo

©Marinda Louw
Amafama adinga iimpepha mvume ukuze abulale okanye asuse iihoney badgers.
iiHoney Badgers zithanda ukugrumba kwaye amazipho azo angaphambili abukhali kakhulu, oko kwenza kubelula ukukrazula ucingo. Isibaya, abelusi kunye nonogada abazizilwanya zezona ndlela zingcono zokukhawulelana nokuba kungabikho lahleko.
Umbhalo obhalwe Badger Friendly waye wasekwa ukubonakalisa imveliso yobusi ngendlela engonzakalisi iibadgers. Inkoliso yabavelisi bobusi baye bayoyise ingxaki ne Honey Badgers, ngokonyusa ifusi lazo libe lide ukuya kwi metre ukususela emhlabeni ngokuthi bazibophelele kwi pali.
Ngokwe South African National Biodiversity Institute and Endangered Wildlife Trust, umonakalo owenziwe zi honey badgers wehle ngama 66% phakathi konyaka ka 2001 ukuya ku 2009, ngenxa yendlela zokhuseleko ezathi zasekwa.

Translated by Zikhona Plaatjie