Ukubaluleka Kwembali Yase Robben Island

Emva phaya Kwiminyaka yoo 1700

©Roger de la Harpe
Yaziwa ngcono njengendawo apho uNelson Mandela wachitha phantse iminyaka engama 30 obomi bakhe. iRobben Island inembali ebalulekileyo eMzantsi Afrika ngaphambi koko. Yaqala yasetyenziswa lendawo njengesikhenkcezisi sendalo nalapho iinqanawa zaziqokelela izinja zolwandle kunye namaqanda onombombiya/eephengwini. Zathi zakuphela ezi zinto, kwaveliswa iigusha, kunye nemivundla. Ngelixesha, abahambi ngeenqanawe abonayo bekwinqanawe babeshiywa kwesi siqithi ukuze baziphilele okanye bafe.
Esi siqithi, nesikude kancinic kumanxweme eKapa, saba yintilongo yokuqala egcina abezepoliti base Mzantsi Afrika, emva phaya ngeminyaka yoo 1700 ngethuba ama Muslim aphikisana nemithetho yama Dutch eIndonesia babeziswa apha. Ngethuba lemfazwe yase Mpuma Koloni ngeminyaka yo 1800, iinkokheli zamaXhosa, kuquka umprofethi wemfazwe uMakana, bathunyelwa apha ngabacinezeli base Europe. Ekuhambeni kwethuba sabayindawo yokugcina abantu abaneqhenqa kunye nesibhedlela sabantu abaphazamisekileyo ngokwasengqondweni. Esi siqithi saphantse sabayindawo yokugembula, kodwa ngethamsanqa ngoku esi siqithi yindawo egcinelwe indalo kunye nezithethe (cultural and nature reserve).

Translated by Zizipho Silwana