Ubushushu eMzantsi Afrika

©Peter Delaney
Ubushushu esibuvayo obusingqongileyo bubushushu obusuka elangeni, obaziwa ngokuba yi solar energy, obuthi buziswe emoyeni, emhlabeni kunye nase manzini.
Ubushushu buchaphazelwa zizinto ezininzi ezifana nobude phezulu kolwandle, umgama osuka elwandle kunye nokonyuka-ubume kwi North-South axis yomhlaba.

Ukonyukela Nobushushu

Ukonyukela, ubude phezulu kolwandle, yeyona to inkulu ichaza amaqondo obushushu eMzantsi Afrika, ethi yogqithe ezinye izinto ezifana nobungakanani. Umzekelo, xa ubani esenza umgca kwi east-west kumgama olinganayo ukusuka eDurban ukuya phezulu kwintaba ze Drakensberg, ubushushu bomoya buyehla, xa ubani esuka elwandle esiya ngase zintabeni. Ubuncinane bomahluko kubushushu, ngenxa yokonyuka ku 11℃.
Ukongeza, kumaqondo obushushu asezantsi eMzantsi Afrika, abuchaphazelwa bubungakanani, kodwa kukonyuka njengesimo sezulu esipholileyo kwintaba ezinde elizweni, iDrakensberg, Maluti, Winterberg, Sneeuberg, Nuweland, intaba eziphezulu eMpuma Koloni nase Ntlango, ziyabonakalisa.
Amazantsi we Mpumalanga nephondo lase Limpopo, ne Limpopo River Valley, zezona ndawo zivelisa imifuno eMzantsi Afrika. Ezindawo zibalulekile kakhulu ebusika xa ubushushu bezinye iindawo eMzantsi Afrika zinga lungelanga imveliso yemifuno. Amazantsi kunye namantla wephondo lase Limpopo ikwaze zezona ndawo zivelisa iziqhamo ezikhula ehlathini kunye nama ndongmane.
Ezindawo zibaluleke kakhulu ebusika xa amaqondo obushushu kwindawo ezininzi eMzantsi Afrika engalungelanga imveliso yemifuno. Indawo ezisemanzantsi kumazantsi we Limpopo zilungile ukuvelisa amandongomane neziqhamo. Ezindawo ingakumbi ezise mazantsi, zisemanzantsi kunezinye iindawo ezisemphakathini zo Mzantsi Afrika kwaye zaziwa njenge ndawo ezishushu kakhulu.
Eyona nto ibalulekileyo kukuba amaqondo obushushu mihla le ebusika abekumaqondo alungileyo, umzekelo inyanga ka July, kwindawo ezisemantla wephondo lase Limpopo ingakumbi kwindawo ezise mazantsi ziku 6℃ ukonyuka kunase Northern Vape kunye ne North West – zezinye zendawo ezinobushushu kakhulu eMzantsi Afrika.
Kakhulu, amaqondo obushushu asezantsi ebusika ayokuma ku 10℃ kubushushu kunase Northern Cape nakwiphondo lase North West.

Ubushushu no Lwandle

Amanzi anamazinga obushushu aphezulu kunamatye neeminerali. Oku kuthetha okokuba amanzi athatha ixesha ukuba shushu nokuphola kunomhlaba. Yiyo lonto, ulwandle luyabupholisa ubushushu bomoya kwindawo ezinolwandle.
Ehlotyeni, umzekelo ngo January, amaqondo obushushu emini ngase lwandle asezantsi kunalawo akwindawo ezisembindini welizwe, ngaphandle kwendawo eziphezulu.
Ebusika, umzekelo ngenyanga ka July, amaqondo obushushu emini kwindawo ezinolwandle aphezulu kunalawo akwimimandla ephakathi yelizwe, ngaphandle kwe Lowveld, indawo ezikumantla zephondo lase Limpopo, iLimpopo Valley kunye nomphakathi kwindawo ezise mantla we Pitoli.
Kodwa indawo ezipholileyo kwi west coast, apho kulinywa amazambane amaninzi nezinye izivuno phantsi konkcenkceshelo, zinamazinga aphezulu ase busika kunombindi ophakathi, ngaphandle kwendawo ezibhalwe phezulu. I-West Coast iphantsi kolawulo lwe cold Benguela current, eyehla ngase mantla elwandle ukusuka kum-mandla we polar ukuya kude ngase mazantsi.
Ubushushu, ingakumbi ngase lwandle KwaZulu-Natal ilawulwa yi warm Mozambique current, encoma iAgulhas current, eyehlela ngase mazantsi ukusuka kwi ikhweyitha. Amaqondo obushushu aphezulu ngase mpuma yolwandle enza ubani akwazi ukukhetha kwintlobo zezivuno.

Translated by Zikhona Plaatjie