Side-striped Jackal
Udyakalashe

© Shem Compion

Igama

Udyakalashe [Canis adustus]

Inkangeleko

Udyakalashe uthanda ubusuku, ifana nenja futhi itya inyama, inentloko nomzimba onobude ubungange 650-800 mm nomsila omde ofika kwi 300-400mm. Ubude bamagxa bungange 500mm nomzimba ona 7-12kg. Iliphaku-phaku futhi ayifanwe ibonwe, lodyakalashe mkhulu kune Mpungutye exhaphakileyo.
Inomzimba owomeleleyo ongwevu kunye nomva omnyama, amacala wona aphawulwe yimigca emhlophe kunye nemnyama pha emazantsi. Umsila omnyama wona usoloke uchokozwe mhlophe nangona iindlebe zona zimnyama ngebala.

Itya ntoni

Impumelelo yoluhlobo olutya imifuno kunye nenyama ingaphawulwa likhono layo lokuphila phakathi kwendindi ngendindi zokutya, imane itshintsa ukutya kwayo ngenxa yemeko zemvelo. Itya izilwanyane ezanyisayo, ukubola, iziqhamo, umbona, izilwanyana ezirhubuluzayo, amaqanda, kunye neentaka. Lodyakalashe ayiloxhalanga njenge Mpungutye.

Ukuzala

Ukusukelwa kwenzeka kweyeSilimela nakweyeKhala kodwa ukukhwela kungathatha unyaka wonke. Emva kwexesha lokuzalwa elithatha iintsuku ezi 57-64 days, iipopu ezine- ntandathu ziyazalwa phakathi kweyeThupha neyeNkanga. Uncedo lokukhulisa iipopu lunikezelwa yinzalo yangaphambili. Iindawo ezigrunjiweyo neemigodi endala ye Sambane isetyenziswa njengendawo yozimela.
Bobabini abazali bayancedisa ekukhuliseni nase kugonyweni komtana. Bazisa ukutya kwiipopu ngomlomo baphinde bakubuyisele emlonyeni kumakhefu athatha iiyure ezimbini okanye ezintathu, kubusuku bonke.

Isimilo

Phakathi kwesizini yokuzala, ezimbini zihlala zisondelene. Luhlobo oluthanda indawo yayo kakhulu futhi yonke indawo ibanjwe sisibini esodwa kunye nenzalo yayo entsha. Inzalo igqibela iphasalaka izifunela eyayo indawo. Udyakalashe uthanda ukuhlala endaweni emathafeni avulekileyo.

Zifumaneka phi

e-Mzantsi Afrika isabelo sazo sisuka pha kumantla ephondo iKwaZulu-Natal- Mpumalanga, iPhondo loMntla kunye nase Swaziland.

Amanqaku asendle

Lodyakalashe utya iziqhamo ezikhethekileyo futhi imane isitya ukutya okukhoyo ngalo sizini. Lodyakalashe awufane uzingele, ngalondlela ke awukho semngciphekweni kumafama nje Mpungutye.