Lala Palm
iLala

© Roger de la Harpe

Igama

iLala

Igama lesi-Latin

Hyphaene coriacea

Inkcazelo

Engingqini ibizwa i-Molala, lemithi yesundu ikhula ibephezulu kangange mitha eziyi 5-7, ngamanye amaxesha ikhula yodwa okanye neqabane, apho idumba khona ukuya pha kwi-hafu yengcambu. Lomthi ufunyanwa kwiindawo ephantsi-ephakamileyo osehlathini nase lunxwemeni lwehlathi. Amagqabi akhiwe kakuhle kwaye ambala ongwevu buluhlaza. Iziqhamo zingange bhola ye-tenisi, zivuthwa xa zimbala oluhlaza ukuya kumbala omenyezelayo omnyama buntsundu.
Umaleko omncinci onencasa eswiti, ophekwe nge-jinja, uthambileyo, onezikhondo, usondelene nembewu. Iziqhamo ziphuma ngamanani amaninzi, angange 2000 ngamthi ngamnye, omnye uthatha iminyaka emibini ukukhula, aphinde athathe iminyaka emibini ukuwa.

Iziqhamo

Isiqhamo siyohluka ngengingqi esikuyo, kodwa siluhlaza ukuya ku-orenji ombatshileyo xa sisaqala, side siyoba ntsundu xasi khula, imile njenge pere, inobude obuyidayimitha eziyi 60-80 nge mitha kunye nevumba lesiqhamo esimnandi. Iqokobhe langaphandle liyamenyezela kwaye liqinile. Iyatyeka ngaphakathi kuba inesikhondo esijikeleze imbewu. Umphandle waso oqinileyo, ofana nophondo lwesityalo, lunomphakathi ovulekileyo. Isiqhamo sithatha iminyaka emini ukukhula neminye iminyaka emini phambi kokuba siwe emthini. Eziziqhamo zigqitywa ziindlovu, iinkawu kunye neemfene.

Intsebenziso

Ubisi oluvela kwisiqhamo esincinci luyafana nobisi lwe-khokhonathi kwincasa nangombala. Iindlovu ziyathanda uktya amagqabi amatsha, amnandi anencasa ye khokhonathi. Intliziyo yomqhele etyiwa njenge mifuno yaziwa e-Delta njenge ‘gau’. Ido lesiqhamo lifana nesonka sejinja. Ukususa ido langaphakathi, umphandle ubethwa ngoswazi. Ido lityiwa ikakhulu ziindlovu kunye neemfene. Imithi yesundu isetyenziswa kakhulu ukwenza isiselo somdiliya, ngelishwa imithi emininzi iyabulalwa ngenxa yalonto. Izilwanyana zalomthi zihlala zikulomthi.
Ziyabonwa zizihlelele kamnandi pha ngaphantsi kwamagqabi alomthi. Iintaka zona zihamba ngenye indlela yokwenza amaqanda ukuba angawi ngokuwancamathisela emlonyeni wayo. Umphakathi wembewu oqinileyo wamantongomane, ufana norhwebo lwemifuno yophondo lwendlovu pha eMzantsi Melika, nangona ingabalulekanga ngolohlobo kwezorhwebo, uyasetyenziswa ekwenzeni izivatho.

Ufumaneka phi

Ifumaneka e-Zimbabwe, Angola, Botswana, kumntla we Transvaal nase Namibia.

Impawu zasendle

Ilala yaziwa njenge Vegetable Ivory Palm ngenxa yokuqina nange mbewu yephondo layo elimhlophe. Imbewu iphalazwe kwiindawo ezininzi ezikude iphalazwa ziindlovu ezizulazulayo ezigrumba pha kubulongwe bayo.