Itswele eliyi Leek

© Louise Brodie
Igama lesayensi: Allium Porrum
Igama eliqhelekileyo: Itswele (leek)

Inkcazelo Yesityalo

Oluhlobo lesityalo lukusapho elinye namatswele, kwaye nangona xakuthethwa ngemveliso yaso sifana manatswele sona sifuna ukuphathwa ngobu nono kwaye sithengiswe kakuhle. Oluhlobo le tswele iingcambu zalo zisuka kummandla ophakathi e-Asia, exesheni zahambela entshona ukuya e-Europe apho udumo lwazo jengezityalo luye lwakhula khona lapapasheka kwihlabathi liphela.
Oluhlobo lwe tswele lungcono kunetswele eliqhelekileyo kuba lona alinabhola okanye sigaqa ekufanele sikhule okanye sivuthwe, yiyo lonto oluhlobo lwetswele (leeks) lingavunwa lityiwe kuse kutsha ekukhuleni kwalo.

Imisebenzi

Icala loluhlobo lwetswele elithandwayo kwesisityalo zingcambu ezimhlophe okanye isikhondo. Xa isityalo sisa khula, ifumaneka nje ngaphantsi komhlaba apho amagqabi elitswele adityaniswa khona athane nca. Xa livuthwa amagqabi aphumela ngaphandle, aqine kwaye kubenzima ukutyeka xa enjalo. Amagqabi asemancinane elitswele angatyiwa ewonke njengamagqabi njengoko esathambile kwaye enencasa.
Elitswelele liyabiliswa, likhutshwe umophu, okanye liqhotswe lityiwe lilodwa okanye nezinye izityalo okanye iiproteni. Elitswele xa lisencinci lingatyiwa lihlaza kwi saladi. Oluhlobo letswele linikeza impilo kakhulu kwaye nezinongo ezingu vitamin A, C, E, K kunye ne calcium.

Iimfuneko Zomhlaba nama Lungiselelo

Amatswele akhula kakuhle kumhlaba ophakathi ngokuxinana kwaye okwaziyo ukukhama amanzi, otyebileyo kwizichumisi nezondlo zomhlaba. Imihlaba enesanti ayiluganga kuba amagaqa esanti angavaleleleka kumagqabi amhlophe angaphezulu emazantsi, ukuwabekela ngezantsi kwenza angatyeki kwaye angatengiseki. Umhlaba omnyama osindayo okomdongo uye ungcolise lendawo imhlophe kwisikhondo, kufuneka ungasetyenziswa.
Inyathelo lokuqala xa ulungiselela ukutyala isityalo kukuthatha intwana yomhlaba wendawo ozakukhofolwa ze uwuse kwi laboratory ehloniphekileyo ukuze iwuhlolisise. Xa ufumana iziphumo zovavanyo ziza kubonakalisa okudingekayo malunga ne pH nezinye izinongo zomhlaba nentwana ntwana ezithile ezizakudingeka ukuze isivuno siphumelele.
i-pH yomhlaba kufuneka ibephakathi ko 6.5 no 7 kwaye okokuba umhlaba une asidi eninzi okanye ungaphantsi ko 6 we pH, umlinganiselo izithole zingasasazwa ziliinywe emhlabeni ukuze konyuke ipH yomhlaba. Oku kufuneka kwenziwe iiveki ezisibhozo phambi kokutyala. Le nkqubo yokulima iye idibanise nentsalela zesivuno nazo naziphi na ezihlaza ezityaliweyo. Kwiveki ezine phambi kokutyala, yongeza okudingekayo okufana ne Boron, Zinc, kunye ne Manganese nayo nayiphi imanyora engaxutywanga okanye umgquba ze ufake konke onke ngaphezulu emhlabeni kangange 400 mm yomhlaba.
Landela isikhofoli ukuze sinqunqe ukufikelela kumhlaba ongaphezulu ze ucoceke, ulingane ukuze kutyalwe. Kwiveki yokugqibela phambi kokutyala izithole, faka isichumisi esifakwa phambi kokutyala ze uphinde uyikhofolele kuma 20 cm womhlaba ongaphezulu ukulungiselela ukutyala. Esisenzo sokugqibela sizakunceda ukususa zonke intsalela zokhula eluthe lakhula. Nkcenkceshela kancinci indawo phambi kokutyala izithole.
Xa ufaka izithole ngqo, khofola indawo ezakuba nezityalo kwiveki yokugqibela phambi kokutyala ukususa ukhula nokulungisa iibhedi zezityalo zembewu kodwa ngaphandle kwesichumisi esithi sifakwe phambi kokutyala nokutyala imbewu kumhlaba owomileyo ze unkcenkceshele kancinci emveni kokutyala imbewu.

Isimo Sezulu

Oluhlobo lwetswele lithanda isimo sezulu esipholileyo kwaye likhula kakuhle kwisimo sezulu esinobushushu obusuka ku 12℃ ukuya ku 25℃. Alikulungelanga ukutyalwa kwindawo esinesimo sezulu esingaphezulu koku. Xa ubushushu bugqithisela kobu bukhankanyiweyo, lizakuvuthwa elitswele liqine ngoku khawuleza, kubenzima ukulivuna. Liya nyamezela kumbethe kodwa isimo sezulu esibanda kakhulu senza likhule kancinci lichaphazele nemveliso nomgangatho wetswele.

Iintlobo-Ngentlobo

Mandulo, zazimbalwa iintlobo zamatswele ezaziveliswa ngenjongo yokuthengiswa. Kutsha nje zininzi iintlobo eziquka iintlobo eziyimixube ezintsha ezikhula ngokukhawuleza kwaye zomelele kwaye ngoku zithatha indawo yazo zakudala.
Kukho iintlobo ngentlobo ezingapha kwama 100 kwaye indlela engcono ukugqiba okokuba utyale ntoni kukucela ingcebiso yalowo usebenza ngezityalo nomthengisi wembewu apho uhlala khona ukuze ufumane iintlobo ezilungele iimeko ezithile zokukhuliswa. Kubalulekile ukufumana iingcebiso kubathengi bemveliso.
Ezinye iintlobo ezixhaphakileyo zezi: American flag, Armore, Atal F1, Bulgarian Giant, Carentan, Dawn Giant, Iitalian Giant kunye ne Musselberg.

Translated by Zikhona Plaatjie