Indawo Zokuthengisa Amaqanda

© Chris Daly
Phambi kokuthenga intaka okanye naziphi na izixhobo, kufanele ujonge abathengi , ukuba bafuna ntoni, bafuna ukubhatala malini, kwaye zithini indleko zokuvelisa oku. Kufuneka uziqhelanise nemithetho ekuzakufuneka uqhelane nayo nemveliso yakho. (Funda kabanzi ngemithetho yase Mzantsi Afrika ngoku) okungcono, njengayiphi na inkampani yezolimo, kukufuna abathengi phambi kokuqala uvelisa.
Abavelisi bamaqanda bangavelisa ezabo inkukhu (zibizwa kanjalo inkukhu ezibeka amaqanda) okanye zithengwe xa zisezakubeka amaqanda xazine veki ezilishumi nesibhozo okanye ishumi elinethoba kuxhomekeke kuhlobo lwenkukhu. (intaka zibizwa ngokuba zi pullets phambi kwexesha lokuqandusela, de zikulungele ukuvelisa amaqanda) kungcono ukuzithengela inkukhu zokuvelisa amaqanda xa ishishini lizakuba likhulu. Njengoko kunzima ukhulisa amantshontsho, kufuneka afumane ukutya okuse mpilweni, ukuqinisekisa okokuba zivelisa amaqanda akumngangatho ophezulu amaninzi. Inkukhu ezilungele ukuqandusela kufuneka zigonywe kuzo zonke izifo eziyingozi.
Inkukhu eziqanduselayo ngesiqhelo, kuxhomekeke kuhlobo, ukutya kwe nkukhu, nesimo sezulu, ziye zivelise iqanda ngemini. Inkukhu zentengiso eziqanduselayo, umzekelo zivelisa amaqanda ambalwa phantsi kwemeko ze mozulu ezishushu, xa kumataniswa nemeko eziqhelekileyo zesimo sezulu.
Amaqanda aqala abemancinci ze amane ekhula. Inani nesimo samaqanda avelisiweyo, azakwenyuka esiphakathini semveliso emveni koko sehle. Amafama asemancinci namafama agcina intaka zasedle ezingenzi ixabiso lokutya libephezulu, zinga gqiba ukugcina intaka kwixa elizayo lwemveliso. Kwindawo zemveliso eziluqilima, intake zithengiselwa abathengisi abasendleleni, kwaye ukuzitshintsha iintaka xa oku kusonga imali ngesiqhelo ukususela kwiveki engamashumi amathandathu ane thoba (69th) yemveliso.

Indlela Zokuthengisa

Abavelisi bamaqanda bangawathengisa amaqanda ngqo ukususela efama, umnyango nomnyango, okanye esitalatweni, kwindawo zabavelisi okanye iivenkile. Ukuzithengisela ngokwakho kuyanceda xa uneshishini elincinci, kodwa oku kungatya ixesha yenze umvelisi angabina xesha lokuchitha kwimveliso xa umsebenzi umninzi. Ezothutho, upakisha, noku faka imifanekiso yenkampani kunganyusa amaxabiso.
Kunge njalo, abavelisi angasebenzisa abasebenzi abasesiphakathini, bona baqokelela amaqanda nge mali abayisebenzeleyo (commission) okanye ngetyala. Baye bathengise amaqanda kwivenkile zakufuphi, kumashishini amakhulu, ivenkile zokutya, ivenkile zokutyela, ihotele, izibhedlele njalo njalo. Aba baqokeleli ingano metshenti (merchants), okanye abathengisi, aba pakishi okanye abavelisi abazisebenzelayo.
Kunga ngcono ukuqala inkampani apho iliqembu labantu, apho kukho amafama amaninzi avelisa amaqanda. Eyona nto intle ngalendlela yeyokuba lenkampani izakube icingela izidingo zamafama njengoko ikhokhelwe ngabo ba ngabanikazi befama.

Umgangatho Wama Qanda

©Chris Daly
Nayiphi na indawo yabathengi, inezinto ezikhethayo, imiyalelo elawulayo, okanye imigaqo ethile enje ngoku pakisha imveliso, kunye nolawulo lwezifo. Ayibubo ubungakanani nomgangatho kuphela ezibalulekileyo, kodwa abanye abathengi bakhetha amaqanda anendawo ethile emhlophe okanye etyheli. Akekho ubani onelungelo lokuthengisa amaqanda eMzantsi Afrika alungele ukutyiwa, kufuneka ahambelane nemiqathango yelapha eMzantsi yabo bathengisa amaqanda atyiwayo. (Funda ngakumbi ngalo mthetho, nokugcina umgangatho)

Ukwenza Umehluko

Amafama angenza imveliso zabo zenze umahluko ngokuthi bawapheke amaqanda. Umzekelo bangathengisa amaqanda abilisiweyo, okanye angabiliswanga. Umahluko uzakwenzeka naxa kupakishwa kufakwa amagama enkampani kwiqokobhe lamaqanda, ukuze ibenomahluko kwezinye iimveliso.

Translated by Zizipho Silwana