Impatho Ntle yeeHagu

©Glenneis Kriel
Pigs should have the freedom to express normal behaviour.
iSouth African Pig Welfare Code ibhalwe ngama fama, oogqirha bezilwanyana, abathuthi, imibutho yezentlalo ntle kunye neenkampani zezilarha. Lemigaqo isekelwe phezu kwe Nkululeko Ezintlanu ngokubhalwe kwi as Farm Animal Welfare Council, lemigaqo ke ithi: Inkululeko yamanzi, inkululeko yokutya, Inkululeko yesondlo, inkululeko yokungaviswa ntlungu, ukonzakala kunye nezifo, inkululeko yokubonakalisa imikhwa eqhelekileyo kunye nenkululeko yokungoyiki nakuxhalaba.

Inkululeko Yokutya Namanzi

©Glenneis Kriel
Pigs should have access to clean water.
Ngokwalo mgaqo, zonke iihagu kufanele zifikelele kumanzi oneleyo acocekileyo okusela kunye nokutya.

Inkululeko yokuHlala Ngokukhululekileyo

©National Pork Board and the Pork Checkoff, Des Moines, IA, USA.
People who work with pigs should be well-trained.
Abantu abasebenza ngeehagu kufanele bakwazi ukwenza imisebenzi yabo ngoxinzelelo nje oluncinci kwiihagu. Kwiifama ezinkulu, umzekelo, kubekho abasebenzi ababodwa abasebenza ngeehagu ezimithiyo okanye amantshontsho. Kodwa ke abasebenzi abakwii fama ezincinane bangalindeleka ukuba bakwazi ukusebenza ngazo zonke iihagu.
Kwasenzo sinokuthi sidale intlalombi kwihagu, asivumelekanga. Lomgaqo ubhekiselele kakhulu ekukhatyweni kweehagu, ukusetyenziswa kwentonga zombane, iimvubu, iintonga nezinye izixhobo ezinokuthi zonzakalise okanye zoyikise iihagu. Nokuphakamisa iihagu ngeendlebe, ngomsila okanye ngemilenze yangaphambili. Iihagu akufanelanga zibotshwe ngamacingo okanye ngeentambo. Akukhathaliseki noba zibotshwa emqaleni na okanye emzimbeni.
Amazinyo eenkunzi akufunekanga ophulwe, asikwe okanye asarhwe ngaphandle kokuba oku kwenziwa ngugqirha wezilwanyana naye asebenzisa ichiza lokudoma iintlungu kuqala. Amantshontsho eehagu awanakuthenwa emva kweentsuku ezisixhenkxe ezelwe. Indawo egcina iihagu kufanele igcinwe icocekile ukuqinisekisa ukuba izilwanyana zihleli kakuhle, kucuthe amathuba ezifo zingosuleli ezinye iihagu okanye abantu. Kwaye oku kuthintela nongcoliseko.

Inkululeko Yokungeva Ntlungu, Ukonzakala kunye Nesifo

©Glenneis Kriel
Ill pigs might have to be isolated until they feel better.
Kufuneka indawo ehlala iihagu ihlolwe yonke imihla ukuze iingxaki ezikhoyo zikhawulezelwe zingekade zixake. Ezi ngxaki ke isenokuku lumana imisila okanye iindlebe, ukonzakala, ukuxinana, uxinzelelo lobushushu okanye lwengqele. Iihagu ezigulayo okanye ezixhatshazwayo zezinye kungafuneka zibekwe zodwa ukuze zinyangwe ngaphambi kokuba zibuyiselwe kwiqela lezinye. Ngokwalo mgaqo, izilwanyana ezonzakele kakhulu okanye ezigulela ukufa kufuneka zitshatyalaliswe ngendlela engenalunya.

Inkululeko Yokubonakalisa Imikhwa Eqhelekileyo

©Glenneis Kriel
Sow stalls may only be used for the first half of the sixteen week pregnancy.
Le yeyona nkululeko ingu mceli mngeni xa kubhekisele kwiindawo ezifuye iihagu, ingakumbi xa kufuneka kusetyenziswe amakhreyithi eemazi okanye iindawo zokuzalela. Enyanisweni ke amafama angabusebenzisiyo obu buchwephesha alahlekelwa yimfuyo eninzi. Le lahleko isenokukuqhomfwa kwezisu kunye nokubhubha kwamantshontsho eehagu. Ngaphandle koku, iimfuno zeehagu zalemihla zohluke kakhulu kwezee hagu zakudala ezazingangxengwanga.
Ngokwalo mgaqo we South African Pig Welfare Code, iihagu ezigcinwa phandle kufanele zifikelele kwimithunzi nendawo ezivalekileyo, ihagu nganye kufuneka ibene5 square meters. Iihagu akufanelanga ziyekwe zizulazule zikhangelana nokutya. Kufanele zibenamanzi oneleyo acocekileyo nokutya. Indawo ekuveliswa kuyo iihagu kufuneka ibiywe kakuhle, kwaye kufanele kubekho nendawo ezilungiselele imisebenzi ethile kunye nokunyangwa kweehagu ezigulayo.
Kwimveliso ye intensive kunye ne extensive, iindawo ezihlala iimazi zingasetyenziswa kuphela kwisiqingatha sokuqala seenyenga ezilishumi elinesithandathu lokumitha. Ngeli xesha ke, iihagu zingondliwa zodwa zihoywe nakakuhle. Zingachitha elinye ixesha ke eliseleyo lokumitha kwazo kwindlu engagcwelanga kunye nezinye iimazi.
Amakhreythi okuzalela kufuneka abemakhulu ngokwaneleyo ukuze imazi ikwazi ukuma okanye ingqengqe ngokukhululekileyo ikwazi nokunaba. Indawo ekhuselekileyo enomandlalo ofudumeleyo wamantshontsho eehagu kufuneka ibekhona kwakulendawo yokuzalalela.
Izindlu, amakhreythi kunye neendawo yeehagu kufuneka ingabimtyibilizi phantsi, ikwazi ukutshona amanzi, icocwe rhoqo kwaye ikhuseleke naselangeni, emoyeni nakwi mozulu embi. Kudingeka ubuncinane bendawo eli 0,85 square meters yokuhlala ihagu enobunzima obuli 100kg ukuthintela ukuxinana.

Translated by Zizipho Silwana