Imithiswa njani iNkomo

©Chris Daly
A Jersey cow with her newborn calf.
Ukuvelisa ubisi yinto eqhubekayo, xa iinkomo zizala, zivelisa ubisi ziphinde zimithe kwakhona, njalo njalo. Ukugcina umgangatho ophezulu wolawulo lwemveliso, usuku olulandelayo lokuzala kufuneka lube ngaphantsi kwenyanga ezilishumi nesithathu (13) ukusuka kumhla wokumitha. Xa ixesha lokuzala phakathi kwentsuku lilide, oku kwehlisa imveliso yobisi kumhlambi, kwaye ihlisa nofuzo kumhlambi. Imveliso ephezulu yobisi nokuzala amathole amaninzi ngonyaka zenzinye zenyweba zolawulo olubalaseleyo lwemveliso.

Ukuzalisa iinkomo zo Bisi nge ‘Artificial Insemination’

Ukumithisa iinkomo, inkunzi ingasetyenziswa. Kodwa ke, kwimihlambi emincinci ukugcina inkuni kuli xabiso eliphezulu kwaye yenza iingxaki kulawulo. Zingaba nodlame, kwaye kudingeke zigcinwe zodwa kwaye zityiswe. Ukongeza, ukusebenzisa inkunzi enye lonke ixesha, ukuphuhliswa kofuzo kuba kuncinci. Kwintsuku ‘zakudala’, inkunzi kwakunikezwana ngazo ngama fama kodwa oku kungenza izifo zokuchuma kwesizalo zisasazeke kwezinye iinkomo zonke zingakwazi ukuzala. Ngenxa yoku iartificial insemination (AI) yathi yaqulunqwa.
i-Artificial insemination inexabiso eliphantsi kunokusebenzisa inkunzi. Yindlela elula equka ukuhambisa incindi (semen) ngexesha eli lilo nakwindawo eyiyo ngaphakathi komhlaba wesizalo kwinkomo zobisi ukuze zimithe.
i-Artificial insemination ezinkomeni iqhelekile, apho kuthengiswa khona iinkomo zobisi. Ufuzo luphezulu xa kusetyenziswa i- AI. Kuba isemen esuka kwinkunzi ezohlukeneyo ikhona ngexabiso eliphantsi kunokufuya inkunzi. Kodwa kwi i-AI ukuchuma kwesizalo senkomo sixhomekeke kubantu okokuba babone xa inkomo ilungele ukumitha. Futhi ke kufuneka bakwazi ukuhambisa isemen ngexesha eli lilo nendawo eyiyo ukuze inkomo imithe. I-AI ifundiswa kwi zifundo zentsuku ezimbini okanye ifundwe kugqirha wezilwanyane. Zikhona iinkampani ezithengisa nge semen yenkunzi, zinikeza nge AI njenge iyinkonzo ekhoyo, kunye noo gqirha bezilwanyane bayakwazi ukuyenza i-AI.

Translated by Zikhona Plaatjie