Inkomo Ungayi Mithisa Nini

©Pieter Langenegger
A student Zarielda Roberts at the Elsenburg agricultural college busy with AI.
Emveni kokuzala, isibeleko senkomo siyabuyela esiqhelweni. Ukuphila kungathatha intsuku ezingama 25 ukuya ku 50. Xa inkomo idibana nobunzima ekuzaleni, kungenza usuleleko lwesibeleko kwaye oko kungandisa ixesha lokuphila lesibeleko. Ixesha lokulungela ukuzala kwakhona liphinda lifike emveni kokuphila kwesibeleko.
Inkomo ilungele ukumitha kwintsuku ezi 19 ukuya kuma 21 entsuku ixesha loku lungela ukumitha luquka ukuphuma kweqala kwi ovaries ukulungiselela ukukhupha iqanda ze limithiswe. Xa iqanda linga mithiswanga, konke kuyaphindwa. Zikhona indlela inkomo ebonakalisa ngazo xa ilungele ukumitha, kodwa eyona ndlela ingcono kukuba zime ngxi ukuze inkunzi iyingene ngemva okanye imithiswe. Jonga nencindi ecacileyo ephuma kwindawo yanga sese. (Xa iqanda likhutshwa), oku wenzeka kwi yure ezilishumi nesibini emveni kokumela ukumithiswa.

Yenziwa njani i Artificial Insermination (AI)

Logama I AI ibonwa njengendlela elula, indlela eyiyo kufuneka ilandelwe kwinkomo nganye. Isemen ye AI igcinwa kwi plastiki eziyimiqulu ye 0.5 ml kwi flaski okanye itanki kumkhence obungu 196 degrees celcius. Imithetho ye AI iquka oku kulandelayo: yeka isemen iyeke ukuqina, ime nkqo kwiflask zayo enamanzi ashushu ku 35 degrees celcius. susa umncwe emveni komzuzu, womise umcwe usebenzisa iphepha usibeke ecaleni ngaphakathi kwe komqulu we insemination (pistolet).
Sika umce ngezantsi uvumele isemen ityhalelwe ngaphandle ufake icwecwe le plastiki phezu komcwe ne pistolet ukukhuselwa kwintsholongwane. Ngoku, beka le pistolet kunodese wenkomo ngobunono uyise ekuvulekeni kwesibeleko ufake isemen apha kuyo. Emveni koko, isibeleko singaphululwa ukuze isemen ihamba-hambe apha esibelekweni. Gcina inkomo bucala kwaye ithule okwexeshana emveni koku mithiswa. Xa ukumithiswa kungaphumelelanga, inkomo izakuphinda ilungele ukumitha kwakhona, kwintsuku ezi 19 ukuya ku 21 zentsuku, ukususela ngelaxesha bekuzanywa ngalo.

Translated by Zikhona Plaatjie