Ikhephu Nezivuno

© Louise Brodie
Ikhephu lingonakalisa isivuno kwindawo ekulinywa kuzo, ulawulo oluluqilima lamaxesha okutyala linganciphisa umonakalo wekhephu ngexesha lokukhula kwesivuno.
Thintela ilahleko kwisivuno sakho eyenziwa likhephu ngokuthi utyale isivuno esinga dibaniyo nekhephu emveni kwexesha apho ikhephu sele lingaseyiyo ingxaki. Kungenzeka kungabikho lula ukwenza oku rhoqo, kuba ungaphosana namaxabiso amahle athi afumaneke xa ungowokuqala kwintengiso ngesivuno sakho.
Ilahleko yesivuno eyenziwa likhephu elithi likhawuleze ukufika, lngathi inciphiseke ngokuba kutyalwe esiphakathini okanye kwisiqingatha sesibini sehlobo. Ukukhula kungabe sele kugqibekile phambi kokuba kufike ikhephu.
Uyakwazi ke ukuzisa usuku lwakho lokuvuna phambili ngokuthi usasaze izithole phantsi kokhuseleko olufana neetonela ezincinci, xa sele kuzakuphela ixesha lekhephu. Xa ubungozi bekhephu sele buphelile, ezizithole ziyasuswa zisiwe entsimini.
Amafama asakhasayo kwiphondo lase Mpuma Koloni alima umbona osuka kwizithole ngenjongo yokuba nombona ohlaza ngombala kwangethuba.

Uzikhusela njani Izityalo kwi Khephu

©Zeynel Cebeci
Iitonela entsimini
Ii ‘tonela’ ezincinci zingokhiwa ngokusebenzisa iplastiki ebhityileyo yokogquma esebenza njengendlu eluhlaza encinci. Oku kogquma kufuneka kuxhaseke phezu kwezithole ze kwehliselwe ezantsi ngumhlaba ukuthintela ukuba ingaphaphatheki nomoya iseyile.
Kuba ke amaqondo obushushu aphantsi kwe plastiki angaba shushu kakhulu, imigqibho engenisa umoya ingadingeka. Susa iseyile eyogqumileyo emini, ukuba kuyenzeka.
Qinisekisa ukususa intsalela zeplastiki eziseleyo emveni kwesivuno kuba oku kungenza ingozi kwizilwanyana ezitya kumadlelo akufuphi kulo ntsimi.
Izindlu Eziluhlaza kunye nee Tonela
Kwindawo ezine khephu elininzi, imveliso yemifuno yenzeka kwizindlu eziluhlaza okanye iitonela. Kodwa ke oku kungabiza ixabiso eliphezulu kwaye kufune ulawulo oluluqilima, kodwa imveliso yesivuno eninzi ingaliwonga lawo wonke lomsebenzi.
Olona ncedo ekuveliseni imifuno kwizindlu eziluhlaza lufumaneka xa zenziwe kufuphi neentengiso ezinkulu (izixeko) okanye kwintengiso zangaphandle (kufuphi nendawo yokukhwelela inqwelo moya). Umzekelo omhle ubonakala kufuphi ne Krugersdorp. Lendawo yolimo yendlu eluhlaza ikufuphi ne rhawuti kunye ne O.R Tambo International Airport.
Kwimithi yezi Qhamo kunye ne Ndawo Ezivelisa Isiselo Somdiliya Esimfaxangiweyo
Ngeminyaka yama 1950 kwakutshiswa i-oli endala kuma dramsi kwigadi yezityalo yama apile nama pere kwi Koue Bokkeveld, indawo enentaba kwelase Ntshona Koloni, kubusuku apho umonakalo we khephu wawulindelekile ngabo. Oku kwakuzisa ubushushu nomsi othi ugqume kodwa wawuzisa ungcoliseko lomoya kwaye ingalunganga kwaphela kumhlaba ongqongileyo.
Kwiminyaka yama 1960 unkcenkceshelo ngesifafazi ngaphezulu lwalusenziwa nge thermocouple-activated switches (izixhobo ezilinganisela ubushushu ezithi zenze ingxolo xa kunyanzelekile) xa ubushushu bomoya busehlela ngezantsi kwesilumkiso esibekiweyo sobushushu. Kulemihla indawo yonkcenkceshelo lwangaphezulu ithabathwe yi driphu kunye nonkcenkceshelo olusemhlabeni lwesifafazi ukuze kungabisa setyenziswa izifafazi zangaphezulu ukunciphisa ikhephu.
Kwindawo yase Napa kwelase California, izishushubezi zombane ezizisa umoya (fans) ezinkulu zivuthela umoya oshushu phezu kwendawo ezivelisa isiselo somdiliya esimfaxangiweyo ukunciphisa ikhephu.

Translated by Zikhona Plaatjie